Ityendyana elingumzobi waseKhayelitsha lizoba ngendlela eyahlukileyo

Umzobi uAbongile Sobantu nemizobo yakhe. Umfanekiso ngu Phinda Kula

Umzobi oseze ngobuso elizweni usebenzisa indlela eyohlukileyo ukukhupha imifanekiso.

Kuyasa Crescent, Khayelitsha, Cape Town, South Africa

Umzobi osaze ngobuso elizweni u Abongile Sobantu uveze isakhono nendlela ekhethekileyo yokucinga. Loka Sobantu nohlala kwindawo yamatyotyombe eNkanini usebenzisa iqweqwe eliqinileyo lencwadi ukuveza imizobo yakhe.  Waqala ukuveza esi sakhono ngethuba efunda kwisikolo samabanga aphantsi iNkazimlo eMakhaza.

Uthi oluhlobo lokuzoba waliqala emva kokuba wabona kumdlalo wendolotyi ( Draught board) osebenzisa iqweqwe lencwadi eline mibala emibini omhlophe kunye nomnyama. Uthi oku kwamvula amehlo kwanendlela yokucinga.

OkaSobantu uthi waqalisa ngokuzoba kulamaqweqwe esebenzisa ipensile aze akugqiba asebenzisel iblade (razor) ukusika nokuxobula khon’ukuze kuvele nkcakasana inkangelo nobuhle balonto ayizobileyo.

Kwimizobo yakhe uthanda kakhulu ukugxila kubantu bezopilitiko ngelithi esesesikolweni uzenzile izifundo zembali ntoleyo ibibangela ukuba kubelula kuye ukufunda ngethuba esenza imizobo yakhe. Eli tyendyana alisebenzisi kuphela oluhlobo lokuzoba koko nemizobo yokupeyinta esebenzisa iintlobo ezohlukileyo zepeyinti.

OkaSobantu uthi akukho bani othe wamncedisa koko ebezifundisa ngokunokwakhe ngelithi wagqityelwa ukufundiswa ngemizobo ngethuba esenza amabanga aphantsi.

Uthi kwisikolo samabanga aphezulu iSiphamandla ufike zingekho izifundo zokuzoba nanjengoko esisikolo singalungiselelwanga oko.

Inkuthazo engumangaliso esuka kumama wake uNompumelelo Sobantu yenza elityedyana lizingce ngomsebenzi walo.

Unina uNompumelelo nonamashumi amane anethoba ubudala uthi wenza konke okusemandleni ukukhuthaza bonke abantwana bakhe ukuba balandele ikhondo abalifunayo ebomini. Uthi uyazama ukuthenga izixhobo zokuzoba ngelizama ukuncedisana nonyana wakhe.

Ledyongwana ithi noko uhlobo azoba ngalo alundingi zixhobo ezitya epokothweni koko usebenzisa ipensile, iblade namaqweqwe aqinileyo encwadi ezindala akukho ngxaki. Uthi lamaqweqwe encwadi ezindala uwaqokelela kwisikolo samabanga aphakamileyo iSiphamandla nalapho aphumelele khona emagqabini ngethuba ebesenza ibanga leshumi kunyaka ka2017.

Kungokunje uthi bayakhala ogxa bakhe ngelithi uphumelele kakuhle kakhulu kumele enze izifundo ezifana nozobugqirha eDyunivesiti. Uthi yena akafuni kuchitha ixesha kungokunje unekamva eliqaqambileyo nanjengoko ezakuqalisa ngezifundo zokuzoba kwiKholeji yaseKapa.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.