Iqela labo babanjiweyo eHermanus bavele kwinkundla yamatyala

Amakhulu abaqhanqalazi besiya kwinkundla kaMantyi emeveni kokumiswa kwesicelo sebheyile kwabo babanjiweyo. Umfanekiso ngoka Ashraf Hendricks

Livele kwinkundla kaMantyi elinye iqela kwabo bangamashumi amathandathu anethoba ababanjwayo emveni koqhanqalazo lwezindlu nomhlaba kwidolophu yase Hermanus eNtshona-Koloni.

Hermanus, South Africa

Simiselwe umhla weshumi kwinyanga ezayo isicelo sebheyile kwityala labo batyholwa ngokudala udushe esidlangalaleni kwilokishi yase Zwelihle  eHermanus kude kufuphi naseKapa. Abatyholwa abalishumi elinaye, isixhenxe ingamadoda bebevele phambi kwenkundla kamantyi eHermanus nalapho bakhululwe ngebheyile yamakhulu amathathu erandi umntu ngamnye logama abasetyhini abane bekhululwe ngokutyityimbiselwa umnwe.

Oku kulandela emva kokubanjwa kwabatyholwa abangamashumi amathandathu anethoba ngethuba abahlali kulalokishi baphuma ngendlu bezama ukuthatha umhlaba kwintsuku ezingaphambi kwePasika.

Abahlali babekhalazela indawo abahlala kuzo nanjengoko ininzi lwabo luhlala ngemva kumakhaya abantu bekwagqushalazela nezindlu ezincinane abanye bokhelwa zona.  Abatyholwa abasayi kuvela ngexeshanye enkundleni nanjengoko inani labo lilikhulu.

Ukungakhululwa kwabo kubangele inkxalabo kwintsapho zabo nanjengoko bambi kubo ingabantwana besikolo logama abanye ingabasebenzi.

“Abona bantu bazithathele ukutya kwivenkile zabemi bangaphandle bangqiyame ngako ezindlini”. Oku kudizwe yinkosikazi exhelekileyo emphefumlweni unkosikazi Bukiwe Mlindelwa onamashumi amathathu anesine ubudala.  Uthi unyana wakhe oneshumi elinesibhozo lweminyaka ubudala wabanjwa yaye oko kubangele ukuba asilele kwizifundo zakhe zebanga lesibhozo kwisikolo samabanga aphakamileyo Iqhayiya. Lenkosikazi idiza ukuba nangona ingenamkhanyelela unyana wayo kodwa wabanjwa ephuma endlini enkulu esiya kulala kwigumbi lakhe elingaphandle.

Ukuthatha ixesha lokuhlala eziseleni kwabatyholwa kulandela emva kwengxelo zokuba badlulisela emapoliseni amagama angengawo awabo okwenene.

Kwizinto ezathi zantunyekwa  ngomlilo kuquka ithala lencwadi, isikhululo sethutyana wamapolisa, isithuthi senkonzo zonyanzeliso mthetho kwanokonakaliswa kusophulwa amacango nefesitile kwezindlu ebezisakhiwa.

Ivakalise uchulumanco inkokheli yabahlali obefudula enguceba uSicelo Gxamesi ngelithi bayakuvuyela ukukhululwa kwabatyholwa kuba bambi kubo ngabafundi logama abanye bezintsika ezondla iintsapho zabo. Uthi  bazakuquqa enkundleni kuba bakho abazakuvela kwakho enkundleni ngomhla weshumi elinesibhozo. Loka Gxamesi wayenguceba wombutho ka Khongolose kwiwadi yesihlanu.

Ngethuba etyelele umamndla wase Hermanus, umphathiswa wokuhlaliswa koluntu eNtshona-Koloni uBonginkosi Madikizela wadiza ukuba umasipala weOverstrand sele ebekele bucala umhlaba ukulungiselela uluntu.

Also read:  Ushicilelo lukanomathotholo oluthetha ngabahlolokazi base Marikana

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.