Umlilo obulale abasibhozo kukrokrelwa uku uqalwe ngamabom

Ityotyombe lakwa Bangani litshe laphela. Umfanekiso uthathwe ngu Phinda Kula

Kusweleke abantu abasibhozo emveni komlilo okrokrelwa ukuba ubujoliswe kusapho lowasetyhini obetyholwa ngokuthakatha kwingingqi yobogityholo i Taiwan eSite C kwilokishi yaseKhayelitsha.

Khayelitsha Site-C, Khayelitsha, Cape Town, South Africa

Lushiyeke luzintsizana usapho lakwaBangani emva kwesithwakumbe somlilo wetyotyombe oshiye kubhubhe abantu abasibhozo bosapho olunye kwindawo yogobityholo iTaiwan eSite C, Khayelitsha.

Lomlilo kudizwe ukuba uqale emva kwentsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku ngoMvulo. Amaxhoba aquka abantu abathathu abadala nabantwana abahlanu bebonke baphakathi kwesibini ukuya kumashumi amathandathu eminyaka ubudala.

Kukholeleka ukuba lomlilo uqalwe ngenjongo emva kwengxabano kwanomlo phakathi kwentombi yelikhaya nabatyholwa abathathu.

“Emva komlo singene endlini salungisa indawo yokulala nesithe emzuzwini seva ilizwi lomntu lisithi kuzakutsha umntu. Emva koko siye asahoya salala nanjengoko besiziselele amarhewu anomsila” itshilo intombi kamfikazi nesinde cebetshu uYonela Bangani.

Uthi bavuswe kurhaxwa ngumsi nalapho bathe xa bephakamisa iintloko labe sele libomvu ligcwele umsi ityotyombe labo. Ukuze asinde kumalangatye omlilo uphume ezimbanjeni zetyotyombe emva kokuba omnye wabo bebengaphakathi ekhabe izinki. Kukholeleka ukuba kugalelwe amafutha emoto phambi kokuba kuntunyekwe ngomlilo ityotyombe nothe wachaphazela amanye amabini.

U Yonela uthi intsusa yalo mlo ilandela emva kokuba ekhuphe ngetshova owasetyhini angamaziyo kwikhaya lakhe. Uthi ngethuba ingudulubhentsu bexhimfana kuye kwangenelela nabantu basebumelwaneni nadiza ukuba bebesoloko betyhola unina ngokuthakatha emveni kokuba kwasweleka intombi yasebumelwaneni kwiminyaka edlulileyo.

Kungokunje sele ekhona umtyholwa obanjiweyo noncwinwa ngemibuzo ngabakwantsasana logama abanye kubarhanelwa besacande amathafa.

Olusapho nekusele abantwana kuphela lijongene nomsebenzi wokungcwaba amaxhoba asibhozo nekulindeleke ukuba lomsebenzi wenziwe kwidolophu yakuCofimvaba kwiphondo leMpuma Koloni. Isithethi sosapho umnumzana uBangani uthi elikhaya alinaye umbutho ozakuthwala lomsebenzi nanjengoko beluxhomekeke kumama welikhaya onamashumi amathandathu eminyaka nongomnye wamaxhoba.

Amapolisa kwisikhululo saseKhayelitsha aqhuba uphando navakalise ukuba azakuququzelela usapho lukwazi ukufumana unyango lwemiphefumlo edandathekileyo.

Also read:  Sekuphele iminyaka elishumi zivaliwe indawo zoshishino eKuyasa

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.