Umngcelele ochasene nokubulawa nokuphathwa gadalala kwabasetyhini nabantwana

Abaqhanqalazi ngexesha lokuviwa kwetyala lika Ninini kwinkundla ka mantyi yase Khayelitsha ngonyaka ophelileyo. Ithatyatwe ngu Mzi Velapi
Cape Town, Western Cape, South Africa

Ngenxa yokuxhaphaka kweziganeko zokuxhatshazwa kubulawe abasetyhini nabantwana  kwilizwe lonke nalapha eKapa, ijelo losasazo lasekuhlaleni iZibonele FM ithathele kuyo ukuququzelela umngcelele wokuhewula nokukhalimela eziziganeko. Kutshanje elijelo limeme abantu abachasene nalomkhwa,imibutho elwela ukhuseleko lwamanina nabantwana nobukhokelwa ngamadoda asebenza kweli jelo.

Lomcimbi uqale ngomgcelele wezithuthi ukusuka kwindawo ekwafunyanwa kuyo umzimba wenenekazi lase Town Two ngonyaka ka 2015 uBongiwe Ninini,nowayedlwengulwe wabulawa ngokumasikizi ze wafakwa kwimibhobho yogutyulo. Kuye kwathandazwa kuvulwa ngokusesikweni umngcelele kulendawo yexhwayelo .Izithuthi zenze umngcelele osingise eTown Two nalapho kwenziwe umthandazo kugxothwa, kuchilwa lomoya wokudlwengula nokubulala okuqatseleyo.

Imibutho exhasa lomngcelele iye yenza intetho echaseneyo nokubulawa nokuphathwa gadalala kwabasetyhini nabantwana.  Osuka kwi Social Justice Coalition uNontando Mhlabeni uthe bayazigxeka kakhulu ezi ziganeko zokuxhatshazwa kubulawe amanina nabantwana ingakumbi ezenziwa ngabantu ababaziwayo,ababathandayo nekufanele ukuba bayabakhusela. ” Siyavuya ukubona amadoda ephakama esimela ubudoda bawo oburhuqwa eludakeni zizigila-mkhuba ezizibiza ngokuba ngamadoda.”

Ukanti uVelisa Jara wombutho wabathandana besini sinye iFreeGender uthe” Siyavuya ukubona otata besithi hayi , bengavumi kwenziwe elinyala egameni labo . Thina bantu bathandana besi sini esinye saba ngamaxhoba okuqala kwakudala , amadoda athi ayasilungisa asivisa ubudoda. Umntu angabi nazo nentloni ukudlwengula umntwana oneminyaka emine ubudala”.

Kulo mngcelele intetho ephambili yenziwe ngumphathiswa wokhuselo loluntu eNtshona Koloni uDan Plato nothe “ Udlwengulo lwenziwa ngamadoda kwaye kufikelele ixesha ukuba amadoda athethe phandle ngezi zinto. Makubuyiselwe Ubuntu bokuba umntwana wam ibe ngumntwana wakho,nomntwana wakho ibe ngowam kuba namhlanje kudlwengulwa owam ze kwiveki elandelayo kudlwengulwe owakho. Amaqela ezopolitiko mawathethe ngelizwi elinye ehesha lomshologu kuba isidlwengu asibuzi ukuba ixhoba liphuma kowuphi umbutho wezopolitiko.”

 

Also read:  Abahlali baseKhayelitsha bafuna indlela zokuphelisa ulwaphulo-mthetho

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.