Ugxininise ukumisa ulwazi nengxoxo phambili uTembeka Ngcukaitobi

Idolophu yaseMakana apho imfazwe yesihlanu phakathi kwamaXhosa nabelungu yenzeka khona phakathi konyaka ka 1818 no 1819.

Igqwetha nombhali uNgcukaitobi uthi kufuneka kugxininiswe kulwazi, ingxoxo kwaye kungabikho ukulinda okuninzi kwinto yomhlaba.

” Asilindelanga ukuza kuka Nxele kwesiqu sakhe, kodwa silindele ukubuyiselwa komhlaba kuthi thina banikazi bawo”. La ngamazwi wegqwetha lamalungelo wabantu nokwanguye nombhali u Tembeka Ngcukaitobi. Lo ka Ngcukaitobi ebethetha kwingxoxo ngemfazwe yesihlanu eyayiphakathi kwamaXhosa nabelungu ( 5th Frontier War) ebiququzelelwe liziko lemfundo lamatsha-ntliziyo iTshisimani e Khayelitsha kutshanje.

” Imbangi yokuba ndiphume iphulo ndikhangela ubungqina bokuba ngenene ngumhlaba wethu lo kukuba, amaxesha amaninzi abantu baye babenomsindo xa abanxaxhi basekunene abafana ne Afri-Forum besithi safikisana nabelungu kweli lizwe”, ucacise ngelitshoyo lombhali wencwadi esinesihloko esithi ” The Land is Ours”.

Eli tsha-ntliziyo le gqwetha likholelwa ukuba imfazwe eyayiphakathi kwamaXhosa nabelungu eyenzeka ngo1818-1819 yayithe yaphunyelelwa ngamaXhosa uMzantsi-Afrika kunye nedabi lomhlaba ngowohlukile kwinto oyiyo ngoku.

” Imiphumela yalamfazwe isavakala kwaye iyabonakala noxa sekudlule iminyaka engamakhulu amabini,” utshilo lombhali.

Loka Ngcukaitobi uqale ngokubalisa imbali yendlu ka Rharhabe eyathi yohluka kubini phakathi kwama Ndlambe namaNgqika. U Ndlambe wayengumalume ka Ngqika owathi wabambela ukusweleka kuka Rharhabe kwathi xa kufikelela ixesha lokuba adlulisele imikhala ku Ngqika akafuna. Ngokwalo mbali oku kwabangela umsantsa kuma Xhosa nto leyo yabangela kube lula ukuba boyiswe kwimfazwe yesihlanu. AmaNdlambe ayokuhlala kumhlaba okwakuthiwa yi Zuurveld (Port Alfred) ngelixa amaNgqika ayezinze kwindawo yase Rhini ngokutsho kuka Ngcukaitobi.

” Ngonyaka ka 1809 amaBritane aye athumela u John Cradock ukuba ayokumisa isitishi kwindawo eyaziwa ukuba yi Cradock kwaye wayenikwe umyalezo ongqongqo okuba akhuphe amaXhosa kwindawo yase Zuurveld. Oku kwabangela imfazwe yesine yamaXhosa nabelungu,” ucacise ngelitshoyo eli gqwetha laphumelela isidanga seLLB kwidyunivesti yase Rhodes eseRhini.

” Ngelixesha lemfazwe abelungu babenomdlalo othile wokuzingela oKafile ( Kaffirs). Babenikwa inani ekwakufuneka belibulele”.

Ngokutsho kuka Ngcukaitobi u Nxele wakhulela phantsi kwamaDatshi kwaye kulapho wafunda khona ubuKrestu kwaye wayesisangoma semfazwe. U Nxele lo wayekwicala lamaNdlambe ngelixa umprofrthi uNtsikana wayekwicala la Ngqika. Ngokutsho kuka Tembeka uNtsikana no Nxele babengaboni ngasonye kwinto yokuvuka kwabasekufeni.

Also read:  Inkqubo kanomathotholo ejongene nabantu abangomama abasebenza emigodini

” Kwathi kwavuka imfazwe emveni kokuba uNgqika wabonwa njengomntu othathe umfazi owayejongwe ngu Ndlambe ogama linguThtuthula . Lonto kuthiwa yiyo eyaqala imfazwe kodwa ke enye into abembali abangayiseli iso kukuba umhlaba wawusele uqaliwe ukobiwa ngabelungu e Zuurveld apho amaNdlambe ayezinze khona,”, ucacise ngelitshoyo uNgcukaitobi.

Lemfazwe yayiphakathi kwamaNdlambe namaNgqika yathiywa ukuba yimfazwe yaseAmalinde eyayingenyanga yeDwarha ngonyaka ka 1818.

Imfazwe yesihlanu eyayiphakathi kwamaXhosa nabelungu yaqala emveni kokuba unyana ka Ndlambe uMdushane wayokubhengeza kubelungu ukuba makuliwe. ” Kuthiwa uMdushane waya kubelungu wokucela ixesha lokuqala imfazwe. Ngokwengxelo kuthiwa waxelelwa ukuba makame iiyure ezimbini, nyathelo elo elathi lagxekwa kakhulu emveni kwemfazwe,” utshilo u Ngcukaitobi.

AmaNgesi ngokutsho kukaNgcukaitobi athi afumana ixesha lokugaya inkxaso kuma Khoi-khoi, namabhulu kwaye bafumana nexesha lokuqokelela imipu. ” Ngexesha kusiliwa amaKhoi-khoi ayephambili, elandelwa ngamBhulu, amaNgesi wona engasemva. Babephethe imipu ezinkanunu nemfakadolo, ngelixa amaXhosa ayephethe imikhonto. Impi yamaXhosa yayikwindawo esezantsi ngelixa utshaba lwabo lwalusiza ngasentla. Lento kunye nento yokuba kwakusiliwa emini yabangela ukuba amaXhosa abengamaxhoba. Kodwa ke ngaphambi kwemfazwe amaXhosa axelelwa nguNxele ukuba uzakusebenza imipu yabelungu iphume amanzi,” ucacise njalo loka Ngcukaitobi.

Wathi wagxekwa uMdushane ngendlela awenza ngayo lelinye ijoni lemfazwe eliphuma kwindlu ka Ngqika u Jongumsobomvu Maqoma owayengakholelwa kwimfazwe evulelekileyo koko ethanda ukuqubula, ngokwengxelo ka Ngcukaitobi.

Iphepha laseKapa ( Cape Town Gazzette) ngokutsho kuka Ngcukaitobi yaveza ingxelo yokuba babengamakhulu amahlanu amaXhosa abulawayo kodwa ezinye ingxelo zithi bangaphaya kwamawaka amabini.

” Ngonyaka ka 1819 ngenyanga yeThupha waye wabanjwa uNxele wathunyelwa esiqithini sase Robben Island nalapho wayehleli ematyathangeni nangona wayelibanjwa. Ngenyanga yoMnga wazama ukuzimela nalowo wayehleli naye esiseleni owayeyinkokheli yamaKhoi-khoi u David Stuurman. Iphenyane ebabelikhwele laye labhukuqa kude kufuphi nase Bloubergstrand nalapho wakwazi ukudadela enxwemeni u Stuurman kodwa uNxele yena zange akwazi, waye wabhubha. Nangoku sisalinde uNxele kodwa ke asilindanga siqu sakhe koko sisalinde umhlaba,” uqwele ngelitshoyo uNgcukaitobi.

Also read:  Makube chosi kube hele

Abo bebezimase le ngxogxo baye baphawula ngendlela yokuba ungabuyela njani na umhlaba. Bambi bebesithi makwenziwe ngalandlela umhlaba wawuthathwe ngayo, into ethetha ukuba makuphakanyiswe izigalo kuliwe. Oka Ngcukaitobi uphendule ngelithi makungangxanyelwa izigalo kungekabikho ingxoxo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.