Batyityimbiselwe umnwe oonqevu eKhayelitsha

Abahlali ngexesha lendibano ibiseKhayelitsha Staduim ngeCawe. Imifanekiso ithathwe ngu Phinda Kula

Kwintlanganiso ebejoliswe ekufumaneni isisombululo kwinto yobugewu eqatseleyo eKhayelitsha kutshanje, onqali-ntloko batyityimbiselwe iminwe.


Ikhalinyelwe into yonqevu ababhodla idangatye belijolise ngqo kubahlali baseKhayelitsha bebanyanzelisa ukuba babarhume ukuze amashishini wabo angibikho sesichengeni sokuphangwa ngokungena lusini. Oluhlobo lokukhuthuza balibiza ngokuba yi-Protection Fee. Xa besenza lomkhwa ababhali ncwadi, koko bangqala ngqo kulowo uneshishini bagunyazise ukuba bafuna isixa esithile semali ukuze isishishini lomntu likhuseleke.

Inqwanqwa lezophuhliso eKhayelitsha (KDF) liwubhinqe wamfutshane nalapho belibambe umthandazo okhalimela obu bugebenga. Lo mthandazo ububanjelwe kwibala lezemidlalo eKhayelitsha ngeCawa kwaye i-KDF icele oonyawontle ukuba basondeze uluntu kuThixo ukuze kwande ithemba kubantu baseKhayelitsha.

“Siyi-KDF besinako ukuba singabizi abefundisi sithi umntu ovakalelwayo makathathe lonto anayo singene edabini ntonje akulunganga ukwenza ngolohlobo. Asikwazi sililizwe sithi sizama ukuziphucula siphinde kwathina siphindise ubugxwayiba ngobugxwayiba. Ootsotsi abakhoyo kulentlanganiso ndiyaqinisekisa ukuba asinoyiki yaye kwanele ngoku” utshilo usihlalo we-KDF uNdithini Tyhido.

OkaTyhido uthi besisikhokelo bathula ngethuba abanqevu babe nezivumelwano zokugada iivenkile zabemi bangaphandle ukuze bazuze intlawulo ngelithi bakhusela amashishini wabo. Uthi oko bebengakuxhasi yaye udiza ukuba batsibe ilitye likaphungela xa bengenela uluntu ezindlini befuna i-Protection Fee.

“Kwanele ngoku sichasene nomkhwa wokuhlawuliswa kuphiliswa kabuhlungu abantu abanamashishini amancinane’, utshilo uTyhido. LokaTyhido ufumene ukuhlaselwa kanye ngalomhla i-KDF idlulise umyalezo wokuba konele. U-Ndithini Tyhido uthi nokuba isiganeko sokuhlaselwa kwakhe sinxumelene nokudlulisa kwabo lomyalezo okanye akunjalo uthi wona umyalezo ufikelele ngqo ezindlebeni zotsotsi. OkaTyhido khange afumane monzakalo koluhlaselo.

Loka Tyhido uthi uya wahlaselwa emveni kokuba bephakamise amazwi wabo kwinto yoburhala-rhume.

I-KDF irhwebe umbutho weTaxi iCODETA ukuba ibeyinxalenye yalentlanganiso. “Okwangoku akukabikho sigqibo malunga nesizakwenza singulombutho koko isigqeba solawulo lweTaxi sizakuwuhla amahlongwane lomba phambi kukuba sithathe isigqibo” utshilo uLennox Mtwengwane okwiqoqo lolawulo lombutho weTaxi zakwaCODETA. Uthi umkhombandlela wokuba benze ntoni malunga nalemeko bakuwunikwa ngabahlali kuba ntlandlolo babefudula besilwa nendlobongela kodwa kwakhala kwa uluntu ngelithi bangqwabalala ze oko kwabangela ukuba babuye umva.

Also read:  Ayibaxolisanga ingxelo kanobhala neka nondyebo abathunywa benkomfa ye KDF

OkaMtengwane uthi kwilokishi yaseSite-C kukhala izithonga zemipu emini nasebusuku uthi bayathandabuza ukuba bakhona abantu bezokhuselo ngelithi zange bayibona imipu ikhala eminini ilanga lihlabe umhlaba.

Kungokunje inkonzo yesipolisa eNtshona Koloni sele ikhuphe inombolo yomnxeba yamapolisa engu 021 466 001 nalapho uluntu lungatsalela lenombolo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho ezinxulemene  ne-Protection Fee. “Abantu bayoyika ukuvula amatyala kungenjalo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho oko kubangela kubenzima ukuba sikwazi ukufumana abarhanelwa”, utshilo uBrigadier Novela Potelwa.

Uthi kungokunje sele beqalisile ukuvingca amazibuko nanjengoko kulempelaveki sisuka kuyo bebeqhuba ugqogqo eSite-B naseHarare eKhayelitsha. U-Brigadier Novela Potelwa uthi bazakubamba iintlanganiso nezi-Stakeholders ukuzama ukuvelela amacebo abanokulwa ngawo iProtection Fee.

Lentlanganiso ibizinyaswe ngusekela- mphathiswa wezokhuselo lombuso kweli loMzantsi Afrika uZizi Kodwa.

“Xa abantu baseKhayelitsha behlangene ngoluhlobo lonto ithetha ukuba badiniwe kodwa asifuni abantu bathathele umthetho ezandleni. Ukuba kukhona iqaqobana lamapolisa elisebenzisana noonqalintloko kufuneka alumke loomapolisa” utshilo okaKodwa.

Uthi nabo bengurhulumente badiniwe ziziganeko ezikumila kunje esitsho kananjalo ukuba into efunekayo yimbonakalo yamapolisa phakathi koluntu. Esitsho kananjalo ukuba akaqondi ukuba sele kufuneka ungenelelo lwamajoni ngelithi ntonje uluntu kufuneka lusebenzisane namapolisa.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.