Abantu abadala bathi badinga ulwazi ngokubhalisela ugonyo

Isigaba sesibini sogonyo sijoliswe kubantu abadala kwaye silindeleke ukuba siqale kule veki izayo. Umfanekiso ngoka Lilita Gcwabe

Isebe lezeMpilo lithi lizakusebenzisa onompilo ukufundisa abantu abadala nabangafundanga ngokubhalisela ugonyo.

Abantu abangaphaya kweminyaka engamashumi amathandathu(60) abathethe neliphephandaba bathi baswele ulwazi ngokubhalisela ugonyo nanjengoko isigaba sesibini sokugonyela iCovid-19 sizakuqalisa kwiveki ezayo.

Kutshantshe, Isebe lezeMpilo lisungule indlela yokubhalisela ugonyo nelibizwa nge-Electronic Vaccination Data System(EVDS) nedinga ukuba umntu abe unalo uqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano kwaye abe uyakwazi ukusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla. Kodwa oku kubonakala kungumceli-mngeni kubantu abadala abangayanga esikolweni nabangathathi ntweni.

I-Elitsha iye yathetha nabantu abadala abakwilungelo lokugonywa kwisigaba sesibi sogonyo, kwindawo ezahlukeneyo zeli loMzantsi-Afrika.

UNocingile Kopolo (60) wakwilali yaseLusizini eNgqeleni uthi unqwenela ukuba urhulumente ayikhawulezise lenkqubo yogonyo. Nangona nje elungxamele ugonyo, uthi akayazi ukuba ukuzakugonyelwa phi kwaye akanalwazi ngobhaliso loku.

UMnikelo Bhinase ohlala kwindawo yaseDuncan Village eMonti uthe uvile ukuba abantu abadala bazakuqalisa ukugonyelwa intsholongwane i-Covid-19 kulenyanga, kodwa akanalwazi ukuba ihamba njani inkqubo yokubhalisa. “Njengamntu ophulaphula unomathotholo ndiye ndeva ngolugonyo kwaye ndikulungele ukugonywa xa ithuba lam lifikile,” kutsho uBhinase.

Ukanti uMsekeli Makosi ominyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) nohlala eKhayelitsha uthe uku lungele ukugonywa, kodwa akakeva nto ngendlela yokubhalisa. Oneminyaka engashumi amathandathu anesine (64) u Getrude Malgas waseHarare eKhayelitsha uthe kuzakunyanzeleka ukuba ancediswe ukuze abhalise phantsi kwalenkqubo intsha. “Ukusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla abusilungelanga thina bantu badala, kungako sicela ukuncediswa,” UMalgas uye watsho.

Umphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqirha Zweli Mkhize ulichaze njengenyathelo lenkqubela phambili kweli ukusetyenziswa kweqonga i-EVDS nezakusetyenziswa ngabo bonke abemi boMzantsi-Afrika ngokungenamkhethe. “Isebe lizakusebenzi izixhobo ezithe zayiminikelo esuka kwimibutho nakumashishini awohlukeneyo ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyabhalisa phambi kokuba agonywe,” uqhube watsho uMkhize.

Isithethi sesebe leZempilo eNtshona-Koloni, uSizwe Kupelo uvakalise ukuba kuzo zonke izithili zephondo kuqeqeshwe abantu abazakuqinisekisa ukuba wonke umntu odinga ukubahlisela ugonyo kuyafikelelwa kuye. “La ngamaqela azakuqinisekisa ukuba uluntu lufumana ulwazi olupheleyo ngokumayelana nogonyelo lwe-Covid-19,” wongeze ngelitshoyo loka Kupelo.

Also read:  Abafundi abangamantombazana banqwenela amalatshana angaphantsi abe khona lonke ixesha

UNomashiya Mthintsilana ongu nompilo eNgqamakhwe uthe usafumana ubunzima ukubhalisa abantu abadala. Uqhube wathi ngabantu abambalwa ababokalisa umdla kubhaliso ukuzokutsho ngoku. “Unobangela woku zindaba ezingeyo nyani ezibandakanya ugonyo lwe-Covid-19 kodwa ndiyaqhubeka nokuqinisekisa ukuba abantu balapha ekuhlaleni ndiyabafundisa kangangoko ngolugonyo,” kutsho uMthintsilana.

Ukanti isithethi Sesebe Lezempilo kwiPhondo leNtshona Kapa, uNomawethu Sbukwana uthe isebe lizakusebenzisana noNomakhaya ukuqinisekisa ukuba abantu abadala bayancediswa ukubhalisela ugonyo, nanjengoko ingabo abantu asele bebazi abantu abadala kwindawo abahlala kuzo. “Onompilo bebeluncedo kakhulu xa bekuvavanywa abantu, nakwelixesha logonyo bazakudlala indima ebalulekileyo,” kutsho uSbukwana.

Nalu uhlobo lokubhalisela ugonyo xa unoqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano:

  • Qiniseka ukuba unalo uqhakamishelwano kumnatha wenxibelelwano
  • Yibanemfonomfono yodidi lwalemihla okanye ikhompuyutha
  • Qakamshela kuledilesi ilandela: vaccine.enroll.health.gov.za
  • Uzakufumana imiyalelo womawukwenze ngokulandelayo
  • Landela imiyalelo kwaye ufake inkcukacha ngokwendlela ekuchazwe ngayo
  • Uzakufumana umyalezo ongqinayo ukuba ukuludwe lwabantu abazakugonywa. Xa kufika elakho ithuba, uzakuthunyelwelwa omnye umyalezo onenkcukacha zomhla nendawo ozakugonywa kuyo.

Isebe likwaphehlelele indlela yokubhalisa ngohlobo lukaWhatsApp kwanohlobo lwe-SMS: ungabhalisa ngokuthumela igama elithi ‘Register’ kulenombolo ingu 0600 123 456 okanye ubhalise ngokucofa u *134*832*inombolo yesazisi#

Xa ungenaso isazisi ungacofa u *134*832# ucele uncedo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.