“Ubulungisa kuluntu ayonto yasini sithile, bubuntu, sisidima nokuzithanda.”
Ukuziqhelisa ukufunda iincwadi kuncedisa ingqondo yomntu kuphuhlise ulwimi kwaye incedisa nokubhala, uLandiso Magqaza owaziwa ngelika-Hlalutjah ngomnye wabantu aba bubungqina boku. Lo kaMagqaza uzalelwe e-Kapa waze wakhulela eHout Bay. Wenza izifundo zakhe eziphakamileyo eNdamase Senior Secondary, eNgqeleni, apho afunde khona ukubhala, waze wazibandakanya nezifundo Zembali esengumfundi.
Waqala ukubhala kwindibano yeNdamase Poetry eskolweni, iqonga lababhali, kunye nabadlali beqonga. Kulapho uthando loncwadi lwaqala khona, kwaye ukuthazwe zizifundo zeMbali ukubhala ngesiXhosa nangembali.
Oku kwaphembelela isigqibo sakhe sokwenza izifundo ngeMbali nezifundo zobuNtatheli kwi-Yunivesithi i-Rhodes apho enza khona izifundo zeMasters ngembali yomculo nosasazo lweMaskandi kuMhlobo Wenene fm ukusukela ngonyaka ka 1985 ukuya ku-2015.
UHlalutjah ngumbhali, umtoliki kodwa ugxile kakhulu kwimibongo. Imibongo kaHlalutjah igxininise kwimbali, nokubaluleka kozazi. “Ubulungisa kuluntu ayonto yasini sithile, bubuntu, sisidima nokuzithanda.”
Ezinye izinto ezinegalelo kumsebenzi wobugcisa nohlobo aqiqa ngalo uHlalutjah yinkolo yakhe yobuRasta. Kulapho abone khona ukubaluleka kolwazi lwembali nokuthanda ukukuthaza abantu ngokuzimela.
Ukuphakanyiselwa phezulu kweencwadi ezibhalwe ngesiNgesi kuluntu kuvamile oku kubangela ingxaki engumceli-mngeni ekubhaleni kolwimi lwenkobe
uHlalutjah uphawula ukuba oku kwenza abantu bangafuni ukufunda isiXhosa, lo kaNdima uqale i-blog “Indlwana” apho abhala khona ngesiXhosa. “Sinzima isiXhosa kwaye sinesigama esinzima. Kodwa kweyam imibongo ndiye ndifake nenguqulelo yesiNgesi ngenxa yabantu abamamela imibongo yam abangathethi ulwimi lwesiXhosa.”
UHlalutjah uphawule ukuba ubuchwephesha namaqonga onxibelelwabo zezona zinto eziphuhlisa ulwimi lwesiXhosa kuluntu jikelele nomsantsha othile kwikhasi uYoutube ukuze imiyalezo ingapheleli kuphela kwabo bathetha ulwimi lwesiXhosa.
Umqweno kaHlalutjah malunga noluntu kukuthaza uluntu ukuba luzimele, kwaye lungazoyamanisi nabasemagunyeni. Uthe izinto mazingalungi kuba kutsho urhulumente. “Akufunekanga uluntu lulahlakesiwe, ukuba umthetho awulunganga, masingoyiki ukuthi oku noku akulunganga.”