iNEHAWU iyaphika ukuba isigqibo sokwehliswa esihlalweni kuka Zuma sinefuthe lamaKomanisi
Sithetha nje isemibini imibutho ephume elubala ngokufuna ukuba umongameli welizwe ehle esihlalweni.
Sithetha nje isemibini imibutho ephume elubala ngokufuna ukuba umongameli welizwe ehle esihlalweni.
Umbutho wabasebenzi bentsimbi iNational Union of Metal Workers Unions, iNUMSA isiqhwabele izandla isigqibo sombutho wabo basebenza ngokutya iFood and Allied Workers Union, iFAWU.
iFAWU ibisandula ukubamba ingqungquthela yelixa lamashumi asixhenxe anesihlanu e Bela-Bela eLimpopo, apho ithathe isigqibo sokuphuma ku COSATU ( Congress of South African Trade Unions). iFAWU ithi imibono yayo ayisafani ne ka COSATU kwaye yilonto ebangela ukuba iqhawule umtshato. iFAWU ibiyenye yemibutho yabasebenzi engazange ixole emva kokugxothwa kuka NUMSA kwi COSATU.
Umbutho wasekuhlaneni iSobahlangula, nombutho wabasebenzi iCOSATU eNtshona-Koloni kwakunye neminye imibutho emele abantu abangathathi-ntweni baqhanqalazela unyuko lwamaxabiso lwamatikiti ka Metrorail. Le mibutho ithe yabamba uqhanqalazo inyazelisa […]