Abadlali bamaqindi baseKhayelitsha baqhubela phambili nangona bengenazo izixhobo

21st June 2016 Mzi Velapi 0

Umdlalo wamanqindi yeminye yemidlalo exatyisiweyo eKhayelitsha. Abadlali ababezintshatsheli njengoMzonke The Rose of Khayelitsha Fana, nemidlalo yamanqindi yabodidi elihlawulwayo edlalelwa eOR Tambo Hall eSite C zezinye zezinto ezibonakalisa ukuthandwa kwamanqindi kule lokishi.
Kodwa kuko onke oku, iKhayelitsha Boxing Academy, eyiyo yodwa eyi Academy eKhayelitsha ngokutsho kukaAyanda ‘Ginger’ Maphasa ayifumani nkxaso kwiSixeko saseKapa nakwisebe lezemidlalo. Ngexesha lodliwano-dlebe neElitsha kwindawo yokuziqeqesha kwale Academy eResource Centre eKhayelitsha kubonakele ukuba izixhobo zokuziqeqesha zinqongophele. Iiboxing bags ebezikhona bezintlanu qha.

Luyaqhanqalazelwa unyuko lwamaxabiso ka loliwe

1st June 2014 Elitsha reporters 0

Umbutho wasekuhlaneni iSobahlangula, nombutho wabasebenzi iCOSATU eNtshona-Koloni kwakunye neminye imibutho emele abantu abangathathi-ntweni baqhanqalazela unyuko lwamaxabiso lwamatikiti ka Metrorail. Le mibutho ithe yabamba uqhanqalazo inyazelisa […]