Babelana ngolwazi nenkcubeko

Abantu ebebezimase eli qonga lokuchubelana nenkcubeko. Ifotwe ngu Mzi Velapi

Amachule okuthetha adla ngokuthi ukuba ufunukufihla nantoni na kwisizwe simnyama, yifihle ncwadini. “Hayi ngalo mzuzu”, litsho iqembu lokuhlala laseKhayelitsha Inkululeko In Mind. Eli qela liququzelele ngempumelelo iqonga lokwabelana nokuchubelana ngenkcubeko nokubaluleka kwencwadi ngaphezulu kwento yonke ukushiya umzila kwisizwe esibonwa ngenxa yengcinezelo lubonakala ngathi hlobani noncwadi.

Lo msitho, obuntsuku-mbini ubusingathwe kwithala lencwadi laseKuyasa, nalapho ubuqulathe amathandazwe, ingqanga zosiba nencwadi, izithwalandwe, imveku nabo baqingqayo ekubhaleni bonke bengungelene khona bencazelana ngamaqhinga okubuyisa isidima somntu ontsundu. Oku kwenziwa ngokubuyisela ulwimi olumnyama libe ngumanqanqa njengezinye iilwimi.

Ngokokutsho kuka Monde Kula omnye wabaququzeli balomsitho “injongo kukuphucula ihlobo lokucinga, elokwenza nelokushiya umzila ongundoqo nosisisekelo kuluntu lakuthi, utsho lokaKula. Xa ufunda ufumanisa ukuba kuninzi ongakwaziyo, kubekelaphi ke xa ungaqalisi kwa ukufunda oku. Akhonto ibuhlungu njengokugqityelwa ngenxa yokuba ungakwazi ukuzifundela, ngamanye amaxesha kuyekucingwe awukwazi kwa ukuzicingela”, waleke watsho lokaKula.

Njengoko elithala lenzelwe umntu wonke, abantwana abancinci bebengavalelwanga ngaphandle nabo kulomsitho. Bakhe baphiwa udlwabevu lwezifundo nentsomi ezibashiye betaka-taka yimincili, komnye bomakhulu abahloniphekileyo naba seleshiye umzila kwiqonga lokubhala uSindiwe Magona, noyewabethelela kanobomi kotishala ukuba bazixabise incwadi xabefundisa abantwana ukwenzela bashiye ihlumelo kwisizwe esichubekileyo.

Phakathi kwabo bebezixhwithela ngokubaluleka kolwimi bekukho uNjingalwazi Simphiwe Sesante wase Unisa nophake kwabhukuxa nemveku ngokubaluleka kokuqinisekisa ukuba asiphulukani nobuntu bethu ngoba ukuba senza njalo sakuba sisisulu sokuba yintlekisa kwizizwe.

“Ingxaki enkulu kuthi sizwe esimnyama, sithanda kakhulu ukuboleka izinto zangaphandle sizayamanise nathi, kulapho siphulukana nobuthina, ibe ibiyeyona nto ibisenza sigqame kwabanye.”

Loka Sesane, ugxile kakhulu ekubeni sihloniphe ingqondi zalapha eAfrika phambi koba siyothatha ingcebiso zoPlato nemfundiso zabo.

Nangona lomnyhadala ububanjelwe phakathi neveki abahlali badele ingqele bayophosa esivivaneni, abanye beyosenga kulombele ubhonxileyo wolwazi.

Kwabo bebezimase lomnyadala njengoMandihlume Dotwana nongumfundi kwiDyunivesithi yase Ntshona Kapa, “Esisiqalo sokuphuhlisa isizwe sethu sibeluqilima.”

Lomsitho uvaleliswe ngofundo lwencwadi kwizicaka zenkcubeko nobugcisa, omye wabo inguTshepo Nkentle nowaqala indlu yoshicelelo iLesedi House nokhe wafunda kwenye yencwadi zakhe nalapho aveze ukuba uzakuvula kungekudala umzi wokuqala wokuthengisa nokushiceleli ncwadi eMandela Park eKhayelitsha.

Also read:  Urhulumente waseMpuma Koloni umemelela ubambiswano ngelixesha lolwaluko

Sithe sakumcokolisa lokaNketshe ngalembono yakhe yokuzisa umzi wokushicilela nokupapasha iincwadi eKhayelitsha uphendule wathi “Okwam ayikokulandela ikhondo labanye, kodwa kukuhamba apho kungazange kwahanjwa khona. Inguqu esifuna ukuyibona kuluntu lwethu izakuza nathi xa sishukuma sizenzela ngokonokwethu kwaye sixhasane kumaphulo ethu,” ulekelise watho uNketshe.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.