Izantyalantyala zemvula zibashiye bengo dingezweni abahlali base Siqalo

uThembisa usibonisa apho umntana ebetshone khona.
Cape Town, Western Cape, South Africa

Izantyalantyala zemvula zakutshanje zibashiye bebambelele ezidleleni abo bahlala kwindawo zembacu e Kapa nakwindawo yogobityholo iSiqalo. Ngokwengxelo ye City of Cape Town Disaster Management Centre, bangaphezulu kwamawaka asibhozo abahlala kwindawo yembacu e Kapa abathe bagutyungelwa zimpuphuma. Bathi banikeze ngokutya kubantu abangamawaka asixhenxe, oomatrasi abangamakhulu amabini baye banikezelwa eluntwini.

Enye indawo ethe yagutyungelwa zimpuphuma siSiqalo. Le ndawo yogobityholo isecaleni kwe Vanguard Drive e Mitchel’s Plain. Le ndawo yaqala ngonyaka ka 2012, kwaye yakhawuleza yanda ngabantu abasuka kwilokishi ezikufutshane abangena ndawo yokuhlala okanye umhlaba wokwakha. Ngoku seyilikhaya kubantu abangaphezu kwamawaka asithandathu., kwaye yenye yendawo ezintsha apha e Kapa. Umhlaba emi kuwo iSiqalo ngowenkampani ekuthiwa yi Lyton Props Twelve, kwaye yindawo esisigingqi, le nkampani eyenzele ukomba isanti.

Kuthe xa iElitsha iseSiqalo yadibana nelungu le Housing Assembly, umbutho olwela izindlu nenkonzo eziphucukileyo, u Sheryl Van Reenen. Lo ka Van Reenen uye wasidibanisa no sihlalo wasekuhlaleni u Thobile Dyantyi. U Thobile uye wasichazela ngendlela athe wonyula umntana omncinci obetshone phambi kwechibi ebelenzeke phambi kwe cawe. Ngokutsho komzali womntana u Tembisa Xingwana umntana lo ebedlala nabanye phandle, kwaye indlu le ikufutshane necibi eli livele emva kwemvula. Utembisa uthi uve ngabanye abantwana ukuba umntwana wakhe utshonile, kwaye kobizwa abahlali ukuzokumonyula.

Ngenxa yendawo ekuyo iSiqalo kuba isesigingqini nento yokuba akukho ndlela yokutshona kwamanzi xa kunetha, kuye kubekho amachibi eSiqalo. Lendawo yenye yeyona ndawo zihlala abantu abahluphekileyo e Kapa engenazindlu zesigxina. Ngenxa yokuba umasipala enyanzeliswa ngumgaqo-siseko wathi wavakela izindlu zangasese zeplastiki namanzi. Amawaka angamathandathu abantu axhomekeke kwi mpompo ezilithoba. Zonke ezi nkonzo zikwicala elinye le lokishi. Lonto ithetha ukuba abao bahlala kude kunazo kufuneka behambe umgama ongange khilomitha ukuyokha amanzi okanye baye ngasese. Kukho ityala elisamisiweyo ngeSiqalo nakwindawo eme kuyo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.