Sivuliwe isikhululo samapolisa

Abahlali belinde ukuncedwa kwisikhululo esinamavili eSite C. Ifotwe ngu Mzi Velapi.

Kumnyhadala obucacile ukuba unento yokwenza nezepolitiko kuba bezikho zonke iinkokeli zikazwelonke zasesipoliseni kunye nabaphathiswa, umphathiswa wamapolisa uNathi Nhleko uye wanikezela ngesikhululo esinamavili samapolisa eSite C, eKhayelitsha.
Bekukho usekela-mphathiswa wamapolisa uMaggie Sotyu, olibambela khomishinali wamapolisa kuzwelonke uKhomotso Phahlane, ophethe ibutho leHawks uMthandazo Ntlemeza, u Israel Kgamanyane olibambela kwibutho eliphanda amapolisa i(IPID), ikhomishinali yephondo, uKhombinkosi Jula nabanye abaphezulu emapoliseni kuquka namalungu epalamente.

Khayelitsha, Cape Town, Western Cape, South Africa

Bekucacile ukuba olu tyelelo lunento yokwenza nezopolitiko nolonyulo loomasipala oluzayo. Ikhomishini yophando yase Khayelitsha eyayiphanda ukungasebenzi kakuhle kwamapolisa yafumanisa ukuba kukho ukungalingani koovimba kwiindawo ezihlelekileyo ezifana neKhayelitsha nakwiindawo ezihlala abantu abanemali.

Abaphambili kurhulemente nasemapoliseni ngelixa befika eKhayelitsha. Ifotwe ngu Mzi Velapi.

Ngexesha esenza intentho yakhe, usekela-mphathiswa uMaggie Sotyu uthe baza kuzisa iizikhululo zamapolisa ezinamavili ezithandathu kweli phondo leNtshona Koloni kulo nyaka-mali sikuwo. Oka Sotyu uthi landile inani labantu abahlala kula ngingqi oko ke kunyanzelisa kubekho isikhululo samapolisa kula ngingqi.Uthi bakwinkqubo yokukhangela indawo elungele ukwakha isikhululo esisigxina kodwa oko kuyakuthatha ixesha elide nanjengoko ziliqela izinto ezilungiswayo.

Uthi isikhululo samapolisa kwingingqi yaseMakhaza siya kwakhiwa ngonyaka ka 2018. Kulapho usihlalo weqonga lophuhliso lweKhayelitsha uMnu Ndithini Tyhido athe kufike ixesha ukuba isebe lesipolisa liqwalasele ukuba alinakube libeka isikhululo esinamavili kusini na eMakhaza.Loo kaTyhido uthe bayayivuyela into yokuba iSite C ifumene esi sikhululo kuba ulwaphulo mthetho luxhaphakile. Ukwathe kukhona umntu ekufuneka ephundule ngolwaphulo mthetho olugquba kwingingqi yaseTaiwan ingengawo amapolisa.

Umphathi wamapolisa kwindibanisela yezikhululo zaseKhayelitsha uMajor General Brandt uthe uyabulela kwicandelo lesipolisa ngesi sikhululo kwaye uyakuqinisekisa ukuba sisebenza ngendlela eyiyo.

Ukanti umbutho olwelwa ubulungisa luthe Social Justice Coalition (SJC) ithe yavakalisa ukuba bayalwamkela olu ngenelelo noxa luluncinci nje. Lo mbutho yayingomnye owathi wanikezela ubungqina kwikhomishoni yaseKhayelitsha eyayijonga indlela amapolisa asebenza ngayo. Othethela iSJC uChumile Sali uthe esi sikhululo sizakwandisa ukubonakala kwamapolisa, ntoleyo ezakunqanda uburhalarhume. “Into esiyibethelelayo yeyokuba kufuneka isikhululo esisigxina eSite C kwaye esi sinamavili singajikelezi, sihlale ndawonye”, utshilo lo kaSali.

I-Elitsha iye yatyelela esi sikhululo ePlaza eSite C. Iye yathetha nabahlali ebebephuma kuso.

Vox pops

Nomawele Ndyundyu (42) uthe ebeyokuqinisekisa amaxwebhu akhe, kwaye uncedakale ngokukhawuleza. “Ikufutshane ngoku indawo yoncedo” utshilo.

 

Ntombozuko Tabo (29) naye ebeyokuqinisekisa amaxwebhu uthe, “ngoku akukho sidingo sokuba siye eSite B”.

 

Zimkhitha Ntongo ( 21) naye ebeyokuqinisekisa amaxwebhu uthe, “bendingenayo nemali yokuya eSite B, izakusinceda into yokuba nesikhululo apha”.

 

Mninikhaya Ventfolo (51) ebeyokwenza ingxelo efungelweyo (affidavit), uthe, “intle lento yokuba nesikhululo apha, kwaye izakubaluncedo kubantu balapha”.

Mninikhaya Ventfolo (51) ebeyokwenza ingxelo efungelweyo (affidavit), uthe, “intle lento yokuba nesikhululo apha, kwaye izakubaluncedo kubantu balapha”.
Also read:  Urhulumente waseMpuma Koloni umemelela ubambiswano ngelixesha lolwaluko

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.