Urhulumente waseMpuma Koloni umemelela ubambiswano ngelixesha lolwaluko

21st June 2016 Elitsha reporters 0

Ixesha lolwaluko alifikanga ligalelekile kwaye urhulumente wase Mpuma Koloni umemelela lonke uluntu ukuba luthabathe uxanduva ngelithuba lolwaluko lwasebusika.
“Umntwana wakho ngumntwana wam, kwaye kuthatha uluntu lonke ukukhululisa umntwana,” lo ngumyalezo ovela kwisebe Cooperative Governance and Traditional Affairs (Cogta) kwiphondo lase Mpuma Koloni. Esi sindululo sijoliswe kuluntu lonke ekuhlaleni ukuba kubanjiswane ukuze elixesha lobusika libe lelikhuselekileyo.
Ulwaluko lithuba apho amakhwenkwe athi aluke ukuze agqithele kwizinga lobudoda nelithe labasematheni kweli loMzantsi Afrika jikelele ngenxa yokwenyuka kwamanani okusweleka nokungxwelerheka kwabakhwetha.

Sivuliwe isikhululo samapolisa

21st June 2016 Mzi Velapi Unathi Tuta 0

Kumnyhadala obucacile ukuba unento yokwenza nezepolitiko kuba bezikho zonke iinkokeli zikazwelonke zasesipoliseni kunye nabaphathiswa, umphathiswa wamapolisa uNathi Nhleko uye wanikezela ngesikhululo esinamavili samapolisa eSite C, eKhayelitsha.
Bekukho usekela-mphathiswa wamapolisa uMaggie Sotyu, olibambela khomishinali wamapolisa kuzwelonke uKhomotso Phahlane, ophethe ibutho leHawks uMthandazo Ntlemeza, u Israel Kgamanyane olibambela kwibutho eliphanda amapolisa i(IPID), ikhomishinali yephondo, uKhombinkosi Jula nabanye abaphezulu emapoliseni kuquka namalungu epalamente.

Babelana ngolwazi nenkcubeko

21st June 2016 Kholiswa Tyiki 0

Amachule okuthetha adla ngokuthi ukuba ufunukufihla nantoni na kwisizwe simnyama, yifihle ncwadini. “Hayi ngalo mzuzu”, litsho iqembu lokuhlala laseKhayelitsha Inkululeko In Mind. Eli qela liququzelele ngempumelelo iqonga lokwabelana nokuchubelana ngenkcubeko nokubaluleka kwencwadi ngaphezulu kwento yonke ukushiya umzila kwisizwe esibonwa ngenxa yengcinezelo lubonakala ngathi hlobani noncwadi.

Abadlali bamaqindi baseKhayelitsha baqhubela phambili nangona bengenazo izixhobo

21st June 2016 Mzi Velapi 0

Umdlalo wamanqindi yeminye yemidlalo exatyisiweyo eKhayelitsha. Abadlali ababezintshatsheli njengoMzonke The Rose of Khayelitsha Fana, nemidlalo yamanqindi yabodidi elihlawulwayo edlalelwa eOR Tambo Hall eSite C zezinye zezinto ezibonakalisa ukuthandwa kwamanqindi kule lokishi.
Kodwa kuko onke oku, iKhayelitsha Boxing Academy, eyiyo yodwa eyi Academy eKhayelitsha ngokutsho kukaAyanda ‘Ginger’ Maphasa ayifumani nkxaso kwiSixeko saseKapa nakwisebe lezemidlalo. Ngexesha lodliwano-dlebe neElitsha kwindawo yokuziqeqesha kwale Academy eResource Centre eKhayelitsha kubonakele ukuba izixhobo zokuziqeqesha zinqongophele. Iiboxing bags ebezikhona bezintlanu qha.