Boyikisela impilo zabo abo bathandana besini sinye kwilokishi zase Kapa

Ibhalwe ngu Unathi Tuta no Mzi Velapi

Kuvele ingxelo zabasetyhini abathathu ababulewe ngendlela ekhohlakeleyo ngelixa lentsuku zephulo lokunqanda nokuphelisa kobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana (16 Days of Activism for No Violence Against Women and Children).

Amatsha-ntliziyo eFree Gender ebedibene eSivivane emva kokubulawa kabuhlungu kuka Noluvo. Credit: Elitsha

Bathi boyikisela impilo zabo abantu abathandana besini sinye kwingingqi yase Driftsands ngase Khayelitsha kulandela isiganeko sokubulawa kwenenekazi ebelineminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala, kwinto ekurhaneleka ukuba lulwaphulo mthetho oluphenjelelwa yintiyo. Umzimba ka Noluvo Swelindawo ufunyenwe kufutshanenohola wendlela u N2 unenxeba lembumbulu kwaye kutyholwa ngokuba ubulewe kuba engumntu othandana namanye amanenekazi.
Amatsha-nt

liziyo amalungelo abantu abathandana besini sinye ebezalise ngaphandle kwenkundla kamantyi eBlue Downs besenza imigushuzo nalapho bekuvele khona indoda etyholwa ngokuxhwila ze ibulale u Noluvo. uSigcine Mdani wabanjwa kusuku olulandela olokufunyanwa komzimba ka Swelindawo kwaye ujamelene nezityholo sokuxhwila,ukuqhekeza nokubulala.

Usapho luka Swelindawo ludize ukuba lisothukile sesi senzo kwaye lunemibuzo emininzi yokuba bebephi abantu ngethuba umntwana wabo exhwilwa kwikhaya lakhe.

Ubundlobongela buqatsele eKhayelitsha. Credit: Elitsha

Ilungu lombutho olwela amalungelo oluntu ingakumbi abo bathandana besini sinye iTriangle Project uSindiswa Thafeni uthi ukholelwa ukuba loka Mdani akasenzanga yedwa esi siganeko nanjengoko kusekho izigrogriso ezenziwa ngakwiqabane lika Noluvo. Uthi “sifuna umthetho usebenze, abacuphi mabenze umsebenzi ukuze athethe lo ubanjiweyo, kwaye makayinikwa ibheyile.” Omnye wabahlobo baka Noluvo ebekhona enkundleni uZuko Mnukwa uthi unomsindo kwaye udanile sesisiganeko sokubulawa komhlobokazi wakhe ebengazifihli ukuba uthandana nabasini sinye nesakhe.

Ukanti umsunguli wombutho wabo bathandana nabasini sinye nabahla kwilokishi ze Kapa, iFree Gender, u Funeka Soldaat uthi “U Vovo ebengumntu wasetyhini kwaye kufanele ukuba kube ngumyalezo walo lonke inina ukuba iziganeko ezikumila kunje azamkelekanga.” Uthi kuyaxhalabisa ukuba senzeke ngelixesha leliphulo nangona besazi ukuba zihlala zisenzeka ezilokishini.

Usekela mphathiswa wamapolisa kuzwelonke unkosikazi Maggie Sotyu uvakalise ukothuka sesisiganeko nangenxa yokuba senzeka kwixesha apho eli lizwe likwiphulo lentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa nobundlobongela obujoliswe ngakumanina nabantwana.Ekwatsho ukuba kubuhlungu ngakumbi kuba isiganeko esi senziwe ngumntu omaziyo u Swelindawo nebekufanele ukuba umthembile amkhusele.

Also read:  Ugxininise ukumisa ulwazi nengxoxo phambili uTembeka Ngcukaitobi

Ukanti kwezinye ingxelo abasetyhini ababini baye babulawa kwiziganeko ezohlukeneyo ngelixa bekubanjwe iphulo lokupheliswa kobudlobongela obujoliswe kumanina nakubantwana. Umzimba ka Nopinki Fuba waye wafunyanwa kwigumbi langasese lasekuhlaleni kwi ngingqi yase Site B. Kutyholwa ukuba wabulawa ngulowo athandana naye nosele evele kwinkundla kamantyi kwaye kutyholwa ukuba wambulala ngomgqala.

Kwesinye isiganeko, owasetyhini nohlala e Marikana e Phillipi waye wadutyulwa. Isizathu sokubulawa kuka Thembeka Dumani asikazeki.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.