Bafakelwa iikhamera abahlali base Duncan Village

Ezinye zeekhamera ezifakelelwayo e Duncan Village e Monti. Ithatyathwe ngu Chris Gilili
East London, Eastern Cape, South Africa

Umasipala ombaxa iBuffalo City usungule iphulo lokufakela iikhamera zalemihla kwiilokishi ezahlukeneyo eMonti.

Enye yelokishi ezizakuthi zixhamle kweliphulo yilokishi yaseDuncan Village, kodwa abanye babahlali kule ngingqi abazinto ngokufakelwa kwezi khamera. Intatheli yeli phephandaba ityelele lo mandla ukuqonda ngezi khamera zohlobo lwe-CCTV.

UMbonisi Mehlomakhulu oneminyaka engamashumi amathandathu noqhuba isithuthi sikawonke-wonke, ngomnye wabantu abangenalwazi ngokufakwa kwezi khamera ezitalatweni zaseDuncan. “ Ndiyayibona nje lepali ifakelwe ibhokisana emhlophe, kodwa andiwazi umsebenzi wayo, nje ngokuba undicacisele nje ndivuya kakhulu. Le ndawo inobungozi kakhulu emini nase busuku. Zininzi kakhulu izinto ezenzekayo apha kuba kuhlala abantu beentlanga ezahlukeneyo, abebala kunye nabamnyama,” ucacise watsho.

“ Ngamanye amaxesha ulutsha lwabebala kuye nabamnyama abakumaqela obundlobongela aye alwe kuqhambuke imfazwe. Nje ngomntu oqhuba izithuthi zika wonke-wonke kusasa ndikhe ndidibane negazi kunye neemela ezaphukileyo, ndibone ukuba bekusiliwa. Ndiyavuya ke nje ngokuba kuza kufakelwa iikhamera ukuze sibone abephuli-mthetho,” ucacise watsho.

Omnye umhlali oshishina ngerhasi kule ndawo utshilo ukuba unolwazi lokufakelwa kweekhamera kule ndawo.

“ Asikhuselekanga kwaphela apha. Mhlawumbi ukubakho kwezi khamera kuza kudlala indima enkulu ukulwa ulwaphulo mthetho apha eDuncan Village. Ngonyaka ka-2014 kukho umi wangaphandle owaye sebenza kule khonteyina yam wakhuthuzwa wahlatywa amatyeli ngootsotsi. Wachitha iinyanga eziliqela esibhedlele. Siyoyika apha kwaye ixesha elininzi ucango sihlala siluvalile. Kukho umfana owasinda ezakoxuthelwa imali elapha ngaphakathi ngootsotsi abazingenelayo wasinda ngokukhala kwam ,” utshilo lo mama ungafunanga ukuchaza igama lakhe.

Othethela umasipala I-Buffalo City Metropolitan Municipality uSibusiso Cindi uthe: “ Eliphulo ngumzamo kamasipala wokusiphula neegcambu ulwaphulo mthetho kwiilokishi zalapha eMonti. Siza kusebenzisana kakhulu namapolisa ngethemba lokuba iziphumo ziza kubonakala kungekudala . Ubuchule kukuba ke ezikhamera zifakwa kwiindawo apho zingena kubonakala lula kuwonke-wonke,” utshilo uCindi.

Also read:  Abafundi abangamantombazana banqwenela amalatshana angaphantsi abe khona lonke ixesha

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.