Uqalile umnyhadala wezenzululwazi kuzwelonke

Abantwana besikolo ebebeze kusuku lokuqala lomnyhadala. Ithathiwe ngu Mzi Velapi

Uqalile umnyhadala waminyaka le othi uphakamise kwaye uyindlela yokukhuthaza abantwana besikolo noluntu ngokubanzi ukuba bazibandakanye ngezobu nzululwazi. Lomnyhadala kazwelonke uthi uquke ezobunzululwazi, ulwazi ngezobugcisa, ezobunjineli, izibalo kunye nezenguqulelo kwaye uquka imibutho engaphezulu kwamashumi asithoba, amabhunga wezenzululwazi, indawo zenzulwazi ezingamashumi amabini anesine, idyunivesiti ezilithoba kunye nemibutho engamashumi amahlanu anesithoba.

Ilokishi yaseKhayelitsha nezingqongileyo nazo zithatha inxaxheba kulomnyhadala. ” Owona mxholo walonyaka kukuphakamisela phezulu indlela ubunzululwazi obuthi buzise ukhenketho”, utshilo u Rejoyce Gavhi-Molefe nongumphathi we African Institute for Mathematical Science (AIMS) ezinze kweli laseKapa e Muizenberg.

Ngokuka Gavhi-Molefe lomxholo ngokwazwelonke kwaye uyindlela yokubonisa abantwana nokubanika ithuba lokuba benze izinto zobunzululwazi ngezandla. Abantwana besikolo ukusukela kumabanga aphantsi ukuya kwaphezulu bebegcwele uvuyo ngelixa bekuvulwa lomnyhadala kwiholo loluntu i Mey Way eKhayelitsha. Abantwana base Blue Downs Primary abathethe ne Elitsha bathe bayakuvuyela ukufumana ithuba lokuba baphume kumagumbi okufundela bazokwenza izinto zobunzululwazi ngezandla zabo, into ebanqabeleyo ezikolweni.

Enye yemibutho emise ngeqonga kulo mnyhadala. Ithathwe ngu Mzi Velapi

Ngexesha ethetha neliphephandaba loka Gavhi-Molefe uye wathi beyi AIMS le isingathe lomnyhadala eKhayelitsha bayayazi into yokuba izikolo ezininzi ingakumbi ezisezilokishini azinazo ilebhu zobunzululwazi. ” Yilento lemibutho ilapha imise amaqonga inisekisa ukuba basebenzisa izinto ezifumaneka lula kwaye nezikolo zasezilokishini zinganazo”, utshilo u Gavhi-Molefe.

Ukungabikho nokunqongophala kwezinto zelebhu kungqiniwe zititshala zesikolo. U Nomakula Bhongo nofundisa ezobunzululwazi e Chumisa Primary e Khayelitsha uthi abanazo ilebhu kwaye izinto zokwenza izifundo zezandla zingqongophele kodwa bayazama kunjalo kwaye nomdla wabantwana uyakhula kweli candelo. ” Kule minyaka ingamashumi amabini anesine ndifundisa ezenzululwazi mkhulu umahluko endiwubonayo, ingakumbi ngoku kufakelwe ezobugcisa kwizifundo zenzululwazi”, utshilo lo ka Bhongo.

Ukanti ongutitshala e Blue Downs Primary u Adam Engel uthe bona basebenzisa elithuba ukubona izinto ezifikelelekayo abanokuzisebenzisa kwizifundo zenzululwazi nanjengoko nabo bengenayo ilebhu kwaye zingqongophele nezinto zayo.

Also read:  Ugwetywe iminyaka eyi-18 ofunyenwe enetyala lentiyo ngokubulala othandana nesini esinye

Omnye umbutho obumise iqonga i Thope Foundation uthe wona uyaqinisekisa ukuba usebenza nezikolo unyaka wonke ukuqinisekisa ukuba ulwazi luyafikelela ezikolweni. Obenodlwiwano ndlebe neliphepha u Rethabile Mashale-Sonibare uxelele iElitsha ukuba ngaphandle kokuba izikolo zifumane inkxaso karhulumente ezobunzululwazi azizukuhambela phambili kwizikolo zasezilokishini.

Lomnyhadala uzakuqhuba iveki yonke (7-10 kweye Thupa).

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.