Inyhikityha yokubulawa kwabasebenzi basemgodini eMarikana yathi yashiya abasebenzi abangamashumi amane anesine (44)bebhubhile. Ngomhla we 16 kwinyanga yeThupa kwathi kwabulawa abasebenzi base Lonmin abangamashumi amathathu anesine (34) ngamapolisa emveni kokuba benyanzelisa ukuba bahlawulwe amawaka alishumi elinesibini namakhulu amahlanu ( R12, 500). Ngaphaya kwamakhulu amabini (200) abasebenzi bathi benzekala kweyona nyhikityha yokufa kwabantu kuMzantsi-Afrika omtsha. Aba basebenzi babhubhayo bathi bashiya amakhosikazi, abazali nabantwana kwaye bonke aba bantu bebejonge kubo.

Isiqendu soshicilelo esingezantsi sijonga indlela abaphila ngayo nezithembiso ezathi zenziwa kubahlolokazi base Marikana. Esi siqendu senziwa ngonyaka ka 2014, kwiminyaka emibini emva kwenyhikityha yase Marikana.




en