Baqhanqalazela ukungabinambane abahlali base Strand

Ngexesha bekuqhanqalazwa kuvalwe uhola wendlela u N2 ngase Lwandle ngoMvulo. Ithatyathwe ngu Unathi Tuta
Strand, Cape Town, Western Cape, South Africa

Ngabantu abathathu abaye bafumana umonzakalo logama ishumi elinesithoba libanjiwe ngamapolisa, kubahlali bengingqi zogobityholo ezingqonge iStrand.

Ngomvulo umhla wama24 kweyoMsintsi abahali bangene ezitalatweni betshisa amatayala kuhola wendlela uN2, besithi bafuna ukuvakalisa kwisixeko seKapa ukungaxoli kwabo ngokungafakelwa umbane. Inkokheli yabahlali bengingqi base Pholile  uMwezi Lugwali uthi “siqonde ukuba olwethu usuku lwenkcubeko masilubhiyozele ngoqhankqalazo kuba kudala silindile. Isixeko seKapa sisihlisa sisinyusa into engenzekiyo yile siyifunayo yokufakelwa umbane”.

USiyabonga Dolingana ohlala kwingingqi Pholile uchaze ngendlela ebunzima ngayo ubomi ngaphandle kombane. Uthi “ siyasokola ukwenza izinto ezininzi ngenxa yokungabi nambane, kwinyanga ka Tshazimpunzi iyodwa nje kubhubhe abantu abasibhozo apha. Kuqale kwabhubha usapho lonke onumalungu amathandathu kwasweleka ikwekwana eyayidlala emfuleni kanti kukho intambo zombane ezivele ngaphandle kwaphinda kwasweleka indoda eyayizama ukutsala umbane ngokungekho mthethweni. Ingxaki yombane inkulu kakhulu”, ulebele ngelitshoyo loka Dolingana.

Nangona kunjalo ilungu lekomiti kasodolophu uAnda Ntsodo uthi bothukile luqhankqalazo lwababahlali kuba babexelelwe umbane bakuwufakelwa ekuqaleni kunyaka ozayo.

“Umhlaba abakuwo ababantu wawufudula ungowearhente yezendlela iSANRAL, kuthe kwakufikelelwla kwisivumelwano sokuba isiXeko singawusebenzisa, inkonzo ezingundoqo ezizezinye bazifumana ezifana namanzi acocekileyo,inkonzo zokuthuthwa kwenkukuma namagumbi angasese. Ukufakelwa kombane kufuna injineli kwaye zasixelela ukuba kungathatha inyanga ezintandathu ukuqwalasela ukuba ipali kwanezitalato ozakuhamba kuzo zizakuba ndawoni na. Yonke lengxelo abahlali sasibanikile, siyakrokra abanikwa ulwazi olufanekileyo ngenjongo”.

Kuqhankqalazo lwabahlali kubanjwe abalishumi elinesithoba logama abathathu bayebabalekiselwa esibhedlele emva kokufumana umonzakalo

Also read:  Imbongi yaseRhini isebenzisa isiXhosa ukufikelela ebantwini

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.