Pumza Sibindi: “Ukuba ndisadla amazimba ndiza kuqhubeka ndibhale esi sihobe ngolwimi lwenkobe.”

Pumza " MaDiya" Sibindi imbongi eyinzalelwane yase Dutywa
Alice, Eastern Cape, South Africa

“Inkululeko endiyifumanayo xa ndibhala isiXhosa kunye nentsingiselo yamagama ingunobangela wokuba ndibhale ngesiXhosa,” itsho intwazana eyimbongi yosiba eyinzalelwane yaseDutywa eMpuma Koloni.

UPumza Sibindi nowaziwa ngelika “MaDiya” kumaqonga okubonga, uthi ungumntwana wesithathu kubazali bakhe. Kwaye eyona nto imqhubele ekubongeni ziinzima ahlangabene nazo phaya ngomnyaka ka2009.

“Isihobe ndiqale ukusithanda ngonyaka ka 2009, kodwa zizinto nje endandizicinga ndingade ndibhale phantsi. Kodwa izinto eza zindisinda zaye zandinyanzelisa ukuba mandikhuphele ephepheni, ndandibhala ngesiNgesi. Ngenxa yokufihleka kwentsingiselo kwimibongo yam, abahlobo bam bathi: ” uyimbongi wena, ngumbongo lo,” ndavuma ke noxa ndandi ngekaziboni njengembongi nanamhlanje,” utsho uMaDiya.

Uthi uqale ngonyaka ka 2012 ukubhala ngesiXhosa, zange aphinde ajonge ngasemva. Ukususela apho uzibandakanye nezinye iimbongi, esafunda kwaNokholeji (University of Fort Hare) kwiqela elalisaziwa nge “Deep Black Voices”.

” Ufika kwam kweliqela ndifumene ithuba lokuqhelana namaqonga ohlukeneyo, kwavela nesakhono ebesifihlakele endinaso, sokuba ngumdlali weqonga. Kunyaka ophelileyo ndiye ndabizwa zezinye iimbongi zalapha eMpuma Koloni, endizihloniphileyo kuzo ndingabalula uNqontsonqa, Gqobhoz’mbawula, Bongwez Ndokose kunye noSafobe. Ukudibana kwethu kube ngunozala wokwenziwa kwengoma ebizwa ngokuba “ Nal’ igqiyazana“, ucacise watsho uMaDiya.

Nangona sele isaziwa ngoku lentwazana, ilwizi layo livakale kakhulu ngelixa iphefumla ngomboko kwisikhululo sosazaso iTru-FM eBisho kutsha nje. “Ndaye ndabizwa kwinkqubo  iGround Zero saye sanikwa isihloko esithi “Men are trash” kusithiwa imbongi mayibhale ngohlobo evakalelwa ngalo, mna ndaguqulela esisihloko kwisiXhosa ndathi “Amadoda ziinkukuma”, kwakuvumelekile ukuba sisebenzise naluphi na ulwimi. Esi sihloko sisinikwe ngelaxesha iziganeko zokuxhatshazwa kwabasethyini nabantwana bezi ngundaba mlonyeni, ” utshilo.

Ngelixa uMaDiya wayekwisikhululo sikanomathotholo ebonga

Ngelixa ebuzwa ngoyena nobangela wokuba abhale ngesiXhosa, uthe uyakhululeka xa ebhala ngesiXhosa kwaye uyakwazi ukuzoba umfanekiso ngqondweni ngendlela efanelekileyo.

Also read:  Ushicilelo lukanomathotholo oluthetha ngendima yamanina kwimibutho yabasebenzi kwizwekazi le Afrika

“Kumaxesha amaninzi ndibhala ndikhathazekile okanye ndisemsindweni, kunzima ukucaphuka ngolunye ulwimi. Kukho amagama esiXhosa ekunzima ukuwatolika. Okunye oku ndiqhubayo kukuba isiXhosa asibonelwa ntweni. Kude kubekho abantu abasibuza imibuzo efe amanqa ” uyaphi maan ngesiXhosa?”,  eyonanto iye indidanisa kukuba lo mbuzo ubuzwa kwa ngamanye amaXhosa. Ngokumane besijongela phantsi, uthando lwam kuso luya lukhula. Indawo yaseChizele apho ndikhulele khona inalo ifuthe kuthando lwam lesiXhosa.”

EMpuma-Koloni akavamisanga ukubona iimbongi ezingabantu basetyhini, ingakumbi ezibonga ngesiXhosa. Kodwa ukuzimisela kuka MaDiya kubonisa ukuba iyenzeka lento. Kwaye uyibeke yacaca into yokuba ukuba ngumntu wasetyhini akunanto kumthintela kuyo eqongeni.

” Imiceli mngeni endihlangabezana nayo, ndidibana nayo nje ngombhali hayi kuba ndingumntu wasetyhini, kuba noogxa bam abanga madoda ziyabehlela. Into evamileyo kukubiwa kwemibongo, abanye abantu beba imiqolo kuba becinga andinakuwubona, kodwa ndiye ndithule kuba ndiyazi isiphiwo sam sona akukho mntu unokusoxutha, itsho le Mbongi.

“Enye into yile yokubizelwa ilize kumaqonga kuqotywa amandla ethu singababhali, sihlawulwe ngesitya esishushu bathi “exposure”, ngapha kwengqondo ndizibuze yintoni le sivezwa kuyo. Ndingafumani mpendulo.”

Pumza ” Madiya” Sibindi. Umfanekiso siwunikwe nguye.

Naye uthi akakaneliseki uPumza yindawo abeme kuyo nje ngeembongi zesiNtu. Uthi isiXhosa siyathandwa ngabantu kodwa akayichani ncam eyonanto idingekayo.

” Ukuba kukho abantu abafana noMama uJessica Mbangeni abakwaziyo ukufumana iimbasa babe bebhala ngesiXhosa, lonto ithetha ukuba asikho sezantsi isiXhosa. Imbongi yesizwe utata uZolani Mkiva nayo ikwabonga ngesiXhosa.”

Le ntwazana inomnqweno wokukhupha icwecwe lemibongo ngenye imini, ithi sele iqalisile ukushicilela ingoma  kwaye ubonile ukuba akusokuze kube ngumceli-mngeni ukushicilela icwecwe lakhe.

Mayelana nokunqaba kweminyhadala eqaqambisa okanye ephakamisa isiXhosa, uPumza uthi angakhomba abantu abathile ababangela isiXhosa sisilele ngasemva. ” Isebe elijongene nale micimbi eMpuma-Koloni lenza kancinci kakhulu, ukuba bebeyivula iminyango izinto ngezi ngcono kakhulu,” ucacisile watsho.

Also read:  Imbongi ithi ukubonga yinto anoyikhetha ngamaxesha onke

Eli gqiyazana liyakholelwa ukuba isiXhosa sinekamva eliqaqambileyo kakhulu. ” Ikamva likhona lona, nditsho kuba ndizazi ukuba ndingomnye wabantu abazakuqinisekisa ukuba isiXhosa asibhangi. Ukuba ndisadla amazimba ndiza kuqhubeka ndibhale esi sihobe ngolwimi lwenkobe.”

Le nyanga yamagugu nenkcubeko, ayithethi lukhulu kule Mbongi. ” Andihluphi nangokubhiyoza mna, bazithutha kakhulu kumakhasi onxibelelwano abantu, kungona bazingcayo kule nyanga besithi bayazazi. Ukudlula kwayo bayalibala ngemvelaphi yabo. Eyam inkcubeko andidingi kuyibekela nyanga bucala ukuze ndiyibhiyozele. Yinto endiyiphilayo, indim, amasiko nezithethe zakowethu yinto endihlala ndizingca ngayo.”

UMaDiya uthi intwazana ezikhulayo mazibhale, zizimisele. “Akululanga kodwa kuyenzeka, into efunakayo kukuba umntu akholelwe kuye kwaye azithembe. Ukuba ngenene lubizo lwakho, akufanelanga ukuba uve ubunzima,” ucaciso watsho.

Xa engabhali mibongo, okanye ephefumla imbilini yakhe kumaqonga eMpuma Koloni, uPumza Sibindi ngumfundi kwaNokholeji nalapho enza isidanga sakhe sezolimo i BSc Agricultural Sciences: Crops and Soil Science.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.