Ugwetywe iminyaka eyi-18 ofunyenwe enetyala lentiyo ngokubulala othandana nesini esinye

Noluvo Swelindawo owathi wabulawa ngentiyo. Umfanekiso siwufumene ku Facebook.

Ugwetyiwe owabulala ngentiyo u Noluvo Swelindawo eKapa ngomnyaka ka 2016.

Cape Town High Court, Keerom Street, CBD, Cape Town, South Africa

Ugwetywe iminyaka elishumi elenesibhozo kutshanje uSigcine Mdani owafunyaniswa enetyala lokubulala ngentiyo uNoluvo Swelindawo kuba wayethandana namanye amantombazana. Umzimba kaSwelindawo wabhaqwa ngaku N2 eKhayelitsha unenxeba lembumbulu edumbe imehlo ngomhla wesithathu kweyoMnga ngo2016.

Waxhwila kowabo eDriftsands. Wayeneminyaka engama-22.

UMdani wabanjwa ngomhla wesihlanu emva kwentsuku. Oko wagcinwa eluvalelweni ukususela oko.

Esiwisa isigwebo, ijaji yeNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni uDerek Wille uthe uMdani ufunyaniswe enetyala kumatyala anobuzaza ayephenjelelwa kukungakwazi kwakhe ukunyamezela isini sikaSwelindawo.

Ugwetyelwe amatyala aquka, ukubetha ngenjongo zokwenzakalisa, ukuqhekeza ngenjongo zokuxhwila, ukubulala noku banopmu ongekho mthethweni.

Ugwetywe iminyaka emithathu kwelokubetha, emihlanu kwelokuxhwila, elishumi elinesihlanu kwelokubulala ne minyaka emibini kweloku banompu ongekho mthethweni.

Uzakudontsa iminyaka elishumi elinesibhozo ilandelelana ngetyala lokubulala idibene nelokuxhwila nokuba nompu ongena mpepha.

“Umangalelwa ufunyaniswe enetyala kwizithyolo ezinobuzaza. Waxhwila umfi ngenxa yemeko yesini sakhe. Ukungakwazi ukunyamezela imeko yesini sakhe kufuneka kuthathelwe ingqalelo xa sigweba. Ixhoba lali ngenamandla kwaye lingumfazi. Kufuneka sithathele ingqalelo nobundlobongela obasetyenziswayo ngoku kwakusophulwa umthetho,” utshilo ujaji Wille.

“Yonke lentiyo yayiphenjelelwa kukungakwazi kwakho ukumelana nemeko yesini sika mfi. Ubungqina obuphambi kwenkundla bukhombisa oko. Siphila kuluntu oluphucukileyo. Ingaba okukuziphatha kuphucukile?” uhambise watsho.

Umtshutshisi wenkundla uNtsoaki Mabilietse uthe awukho umthetho okhusela abantu abafana noSwelindawo. “Abantu kufuneka bafunde ukunyamezela nantoni na abanye abakhetha ukubayiyo. Inkundla kufuneka ithumele umyalezo oqatha nakwabanye. Inkundla ibubekile ubungqina bokuba ummangalelwa wayenenjongo zokubulala,” utshilo.

Umphathi weTriangle Project elwela amalungelo wabantu abathandana nesini esinye uSharon Cox usamkele esisigwebo. “Siza kuthumela umyalezo wokuba ukunganyamezelani ngokwemeko yesini akuzukunyamezelwa. Akulunganga ukubulala umntu ngenxa yokuba eyilonto ayiyo kuba ungahambisani nayo,” utshilo.

Ukanti usihlalo weFree Gender uFuneka Soldaat uthe nangona engonelisekanga sesisigwebo inkundla ibonakalisile ukuba iluthabathela ingqalelo ityala lentiyo.

Also read:  Luyaqhanqalazelwa unyuko lwamaxabiso ka loliwe

“Imbangi yokuba singoneliseki kukuba angaphuma nanini na uMdani. Inkundla iyicacisile eyokuba uyaqala ukona. Lonto ithethe ukuthi akazukuyigqiba yonke lominyaka. Nto leyo ethetha ukuthi kungekudala uzakuphinda adakase ngaphandle,” utshilo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.