Igqogqisile imililo kwisixeko seKapa

Umzi oshishina ngokutya e Gordon's Bay utshe wangqungqa. Umfanekiso uthathwe ngu Phinda Kula
Gordons Bay, Cape Town, Western Cape, South Africa

Izicima-mlilo kumandla ongqonge iStrand akakhange balale phezolo benqanda amadangatye abeletyuza kwintaba ekude kufuphi kulengingqi. Umlilo ubuphenjelelwa ngumoya osingisa eMpuma uqabela intaba usiya ngase Grabouw ubangele nokuvalwa kohola u N2 okwethutyana. Omnye umlilo ubungabaphi thuba abacimi-mlilo ngulowo ubukwelinye icala ledolophu ye Kapa kufuphi nase SimonsTown. Le mililo ifika ngexesha imbalela igquba eNtshona-Koloni ingakumbi eKapa nalapho amanzi angqongophele kangangokuba isixeko seKapa sesikhuphe isaziso sokuba kuzakuqalwa ukunqunyanyiswa kwamanzi ngamaxesha athile.

Lemililo ibichaphazela indawo zabantu abanemali kodwa ubangele ungxunguphalo ingakumbi kubasebenzi kuba lonto ithetha ukuba abaqashi bangafumana isebe lokusithela baphelelwe ngumsebenzi.

Ongumnini welinye lamakhaya achatshazelwe ngumlilo unkosikazi Mary-Ann Shearer uthi emva kokubona umsi ubuphuma kwezintaba nezingekho mgama emini emaqanda izolo. Ude wazokifa ezindlini apho ukhokelele ekugqabhukeni kwe Generator kwikhaya labo nekuthe kwantumekeka ngomlilo indawo abahlala kuyo neyindawo eshishina ngokutya.

Uthi lomlilo uthathe nje imizuzu elishumi elinesihlanu kuphela kwabe kutshabalale yonke into. Kungokunje bashiyeke kuphela ngempahla ezisemimzimbeni. Baneshumi elinesine leminyaka behlala kulandawo. Lomlilo ugqugqise elikhaya elinabasebenzi abangamashumi.

Ukanti, omnye  kubasebenzi umnumzana Precious Chirwe uvakalise ukudandatheka emphefumlweni kuba yena nenkosikazi yakhe ekhulelweyo bashiyeke bezimpula-zikalujaca. Aba babini baphuma kwilizwe laseMalawi.

Umnini walemdawo unkosikazi uMary-Ann Shearer uthi kungokunje bajongene nomceli-mngeni omkhulu becingela abasebenzi babo abazakuphulukana nemisebenzi ngenxa yalomlilo.

Also read:  Baqhankqalazele ukhuseleko kulwaphulo-mthetho abahlali basezilokishini

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.