Uvavanyo lwesifo sephepha luyaqhubeka kwizikolo zaseKhayelitsha ukuzama ukuthintela esi sifo nezinye evame ukuhamba nazo.
Ayaqhuba amaphulo okuqatshelwa kwesifo sephepha kanye ngalenyanga yoKwindla ebekelwe bucala ukuqwalasela isifo sephepha kwimimandla eyohlukeneyo kweli loMzantsi Africa.
Abakwa Medecine Sans Frontiers iMSF ngamafuphi bephelekwa yimibutho yezonyango eyohlukeneyo equka isebe lezempilo kwisixeko esimbaxa saseKapa, iKhaya Vac ephantsi kwedyunivesiti yaseKapa baye babelena ngolwazi ngezempilo nabafundi kwisikolo samabanga aphakamileyo Intlanganiso eSite C, Khayelitsha.
Abafundi bafundiswe ngezifo eyohlukeneyo ezifana nesifo sephepha iTuberculosis, intsholongwane kaGawulayo iHIV& AIDS nalapho banikwe izixhobo zokuba umntu angakwazi ukuzihlola ngokunokwakhe kwikhaya lakhe esebenzisa isixhobo esibizwa ukuba yiOral Self Testing iOST ngamafuphi.
Le OST umntu uyakwazi ukuzihlola eyedwa esebenzisa esisixhobo nesisetyenziswa ngokuthi usikhuhle kwntsini kwaye ukwazi ukufumana iziphumo ngoko nangoko. Kodwa xa umntu ethe wafumana ezixhalabisayo uyakwazi ukundwendwela amacandelo ezempilo.
Ophuma kwaMSF uThobelani Mayiya ugxininise ngelithi intsholongwane yeHIV ayifumaneki ngokuncamisa koko uthi xa usele unayo iyabonakala xa usebenzisa esi sisixhobo.
Intlanganiso sesinye zesikolo esinenani eliphezulu labantwana abathwaxwa sisifo sephepha eNtshona Koloni. Ingingqi yaseSite C iphahlwe kakhulu zindawo zogobityholo nezixineneyo ezibangela kubelula ukunwenwa kwesifo sephepha kuba akukho moya waneleyo yaye luninzi ungcoliseko.
Ukanti isebe lezemfundo liye layokwenza imvamvanyo yabantwana besikolo samabanga aphantsi eSokumlandela e Site B kule veki iphelileyo. Abantwana abangamakhulu anamashumi amabini anesihlanu baye bavavanywa phantsi kweliso labazali nabo babajongileyo.
Okudizwe nguEleanor Sopili oligosa elikhuthaza ngezempilo ezingcono(Health Promotion Officer) kwezempilo kwisixeko saseKapa. Uthi bakhethe ukuza kanye kwesasikolo ngenjongo zokufundisa abafundi ngempawu zesifo sephepha. Ekwatsho kananjalo ukuba isifo sephepha siziqu ezintathu ezohlukeneyo eziquka leyo ibizwa ukuba iqhelekile nethatha isithuba senyanga ezintandathu ukuze inyangeke ze kubekho ezinkulu iMDR neXDR nadiza ukuba zithatha ithuba elide phambi kokuba zinyangeke.
Ukanti a bafundi balivuyele kakhulu elithuba nanjengoko besiya kwiholide zepasika nabathe baxhotyiswa ngezikhuseli ( Condoms) bekwafumene nenkqubo yocwangciso ukuzama ukuthintela uzalo.