Imbongi Yamanzi

Imbongi Yamanzi uthi akayiboni indima edlalwa ngurhulumente ekuphuhliseni izakhono zabo bafuna ukubonga. Umfanekiso siwunikwe nguye.

Imbongi Yamanzi ithi ayizange ikukhethe ukubonga koko kukubonga okwakhetha yona.

ULiso Ngqunge ozalelwe eCofimvaba kwilali yase Nquqhu apho afundele khona amabanga akhe aphantsi nothi uyi Mbongi Yamanzi, uthi akazikhumbuli kakuhle ukuba waqala nini ukubonga ngoba akazange akukhethe ukubonga, kukubonga okwakhetha yena.

“Mna ndiyimbongi yamanzi, ebomini ukuze umntu aphile udinga amanzi. Sidinga isakhono semibongo ezakusivula ingqondo nohlobo esicinga ngalo,” ucacise ngelitshoyo.

Xa ecacisa eligama lakhe laseqongeni elithi ”Imbongi Yamanzi” uthi, ” U Thixo ekuqalekeni wohlukanisa amanzi kwamanye, mna ndingalamanzi ashekayo angazange akhethwe ngu somBawo ukwenzela ndikhulule abantu ngokubonga kwam.”

UNgqunge uthi apho akhulele khona isakhono sakhe sokubonga zange akwazi ukusiphuhlisa. Uthi wathi wakufudukela eStrand watsho wabona uhlumelo nento ekhula kwesisakhono sakhe. Uthi wabona abantu base Strand benemvakalelo xa bemamele imibongo yakhe watsho wazibona ukuba uyaphi nesi sipho sakhe.

Xa eseqongeni uye azive engomnye umntu, uthi luye lubeluninzi utshintsho phakathi kuye. Uthi eyonanto imonwabisa kakhulu kukufumana ixesha lokudiza lento ayivayo nokucikozela abantu ngokudlala ngamagama.

 Uthi uye azive ekwelinye ilizwe, kwenye impilo eyahlukileyo athi inga ngasuke ahlale kwelolizwe. “Impilo eyakhiwe ngamagama, kwimpilo eyakhiwe ngamaqhalo nezaci eziphuhlisa ingqondo. Xa ndisenza imibongo ndiye ndizive ndiqhagamshelane nenkcubeko yam. Uninzi lwemibongo yam ibhalwe ngelwimi lakwaNtu ngohlobo lokugcina ixabiso lolwimi lwethu.”

Omnye umbongo weMbongi Yamanzi othetha ngemeko abantu abaphila ngayo elokishini yakhe eStrand.

Uthi abantu abambambe ngesandla bamsondeza kakhulu kwesi sipho sakhe ngabantu abafana noKhanyiso Thakoli, Cofa Amankazana, Yamkela Mdoda kunye noBulelani. Uthi ngabona bantu bamnika ukuzithemba ngetalente yakhe, bamenza ukuba azithembe.

“Ngokumane ndibukela imisebenzi yabo nokusebenzisana nabo ndiye ndakwazi ukukhulisa isakhono sam.”

UNgqunge uthi akaboni ingathi ikhona indima edlalwa ngurhulumente ukuncedisa iimbongi ezifana naye ngokuphuhlisa isakhono sazo.

 “Ukuba urhulumente ibikhona indima ayidlalayo ngendingekho apha esikolweni ngendiphiliswa sisakhono sam. Ndithetha nawe ngoku ndingumfundi wase CPUT ndifundela ukuba ngumfundisi-ntsapho, ngendlela yokhangela ubomi obungcono. Ayikuba ndiyenza kuba ndithanda, ndiyenza kuba ndifuna ubomi obungcono. Ukubangaba bekusithiwa likhona ithemba lokuba ndingaphila ngesiphiwo sam sokubonga sodwa, ngekudala ndayikhetha londlela.”

Also read:  Imbongi yaseRhini isebenzisa isiXhosa ukufikelela ebantwini

Uthi ngenxa yokungabikho kwamaziko okuphuhlisa letalente nenkxaso esuka kurhulumente, uzibona sesenza izinto angazithandiyo ukuze akwazi ukubeka isonka etafileni.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.