Baxhotyisiwe abathandana besisini esinye eMonti

Abantu abathanda besisini esinye kunye noluntu lwaseDuncan Village kwintlangano yeCommission of Gender Equality, iphoto ithathwe ngu Chris Gilili
East London, Eastern Cape, South Africa

 

Bangaphaya kwamashumi amahlanu abantu abathandana besisini esinye, abadibene kwiholo yoluntu, iGompo Community Hall, eZiphunzane, eMonti ngoLwesithathu. Kulandela imibiko yeendaba kutshanje yokuphathwa kakubi kwabantu abathanda besisini esinye. Kutshanje, kuvele ingxelo emaphepheni zokuba isikolo samabanga aphezulu eMdantsane i Ulwazi iye yanzelisa abafundi ukuba bachaze ukuba bathandana nabantu besini esinye kusini na.

Ikhomishoni ka makulinganwe iCommission of Gender Equality (CGE ), ibambisene ne-Eastern Cape Aids Council kunye nesebe leNtlalo-ntle ibibambe umsitho wokuxhobisa nokufundisa uluntu ngabantu abathandana besisini esinye i  i Lesbians Gay Bisexual Transgender and Intersex (LGBTI) ngokwaziwa kwabo.

Iphondo leMpuma-Koloni ihamba phambili kwizehlo zokuhlukunyezwa kwabantu abathandana besisini esinye, ilandelwa yiNtshona-Koloni nephondo le-KwaZulu Natal.

UNomonde Hlatshaneni obemele i-EC Aids Council ukukhalimele ukuhlukunyezwa kwababantu kwiindawo esihlala kuzo, esithi lixesha lokuba uluntu luvule iingqondo luzifundise.

“Ekukhuleni kwethu bekungathethwa kakhulu ngabantu abazii LGBTI, kwaye bezininzi iintetha ezingamampunge ngaba bantu. Ukuba asithethi ngezizinto siluluntu, baseza kuqhubeka behleli ngokuhlukunyezwa,” utshilo uHlatshaneni.

Phakathi kwezinto eziye zathethwe ngabantu, kukuba abantu abathandana besisini esinye ngabona base mngciphekweni woko suleleka kakhulu sisifo sika gawulayo.

UHlatshaneni waleke ngelithi: “ Uphando lubonisa ukuba abantwana kunye nabantu basethyini ngabona babuthathaka ekwasulelekeni ngugawulayo ngenxa yendlela abakhiwe ngayo.”

Eyonanto ibangela ixhala kukuba zisibhozo kuphela iikliniki ezineenkonzo zokuncedisa abantu abathandana besisini esinye kwiphondo leMpuma-Koloni jikelele.

Ngelixa ndincokola noMasisi Smayile naye othandana nomntu osisini esinye naye, undixelele ukuba yena uncedwa yinkxaso ayifumana kusapho lwakhe ukuze amelane nabantu abamnyevulelayo endleleni.

“Mna ndikhule ndingazange ndazibona nje ngentombazana, zange ndanxiba kwa impahla yamantombazana . Usapho lwam zange lubenayo ingxaki nendlela endiyiyo, kodwa xa ndiphuma ngaphandle bakhona abantu abandijonga ngendlela ethile, “ utshilo.

Uthi enye into emvule ingqondo kukusebenza kwiphulo lwakwa Shimla, elincedisa abantu abathandana besisini esinye. “ Leyo into indincedile ndakwazi ukumelana nabantu abanyevulayo xa ndidlula, andinaxesha labo kuba andikwazi ukujika umntu endinguye,” wongeze ngelitshoyo.

Also read:  Abantu abadala bathi badinga ulwazi ngokubhalisela ugonyo
uMasisi Smayile wase Duncan Village othandana namanye amantombazana uthi uyayivuyela inkxaso yosapho lwakhe ifoto ithathwe ngu Chris Gilili

Khange kubenjalo kodwa ku-Athi Mzayidume, naye ohlala eZiphunzane uthi yena wasinda ekudlwengulweni ngenxa yokuba ethandana namanye amantombazana.

“Ndancedwa kukudlula kwemoto yamapolisa mna, ndivalelwe ngabantu ababesithi bafuna ukundifundisa isifundo. Ngamanye amaxesha ndiye ndoyikisele ubomi bam, kuba lento ichaphazela nosapho lwam oluthi lubizwe ngamagama kwindawo esihlala kuyo,” utshilo loka Mzayidume.

Zininzi ke iziganeko zokubulawa kwabantu abasini sinye, into abayililela kakhulu kukuba abenzi bezizinto abajongani nengalo yomthetho kuba amatyala aphelela emoyeni.

U Nceba Mrhwebo osuka kwi-CGE ubanqwanqwadile abazali nabahlali ukuba bazinike ithuba lokuncokola nabantwana babo, kwaye babaxhase abo bathe bazifumana bethandana nabantu abasini sinye nabo.

“Ngumsebenzi wethu thina ukuqinisekisa ukuba abantu abahlukunyezwa ngenxa yesini sabo, njengokuba lonto ibhaliwe kumgaqo-siseko weli. Kubuhlungu ke ukufumana iimeko apho abantwana bade bahlukunyezwe ngootishala ezikolweni ngenxa yento abangenokwazi ukuyitshintsha,” utshilo uMrhwebo.

Lo kaMrhwebo uthe baye babona kufanelekile ukubamba le ntlangano emva kokwanda kweengxelo zokuhlukunyezwa kwabantu basetyhini nabo bathandana besisini esinye.

“Akekho umntu ofanele kukubulawa ngenxa yokuba engumama othandana nabanye abantu abangomama okanye umntu othandana nabanye abantu abasi sini esinye njalo njalo. Siyalingana ngoko mgaqo-siseko weli, sikhuthaza abantu baphume elubala nokuhlukunyezwa kwabo,” uvale ngelitshoyo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.