Libinze ngoncedo kwizikolo isebe lezemidlalo nenkcubeko

Umphathiswa wezemidlalo eMpuma Koloni uPemmy Majodina ngelixa enikeza iibhayisekile kubafundi besikolo samabanga aphakamileyo iLumko High School. Ifoto ithatyathwe ngu Chris Gilili
Unnamed Road, South Africa

Nanjengokuba isaqhubeka imibhiyozo yenyanga yolutsha eMzantsi-Afrika isebe lezemidlalo nenkcubeko kwiphondo le Mpuma-Koloni lizeke emzekweni kumsitho ububanjelwe kwiholo yoluntu iGompo Community Hall nalapho belinikezela ngezipho kulutsha. Umphathiswa wezemidlalo nenkcubeko uPemmy Majodina, ehamba kunye nomphathiswa wesebe lezemfundo uMandla Makuphula bazise uncumo kwizikolo ezahlukeneyo  zaseMonti.

Eliphulo nelixhaswe yinkampani yakwaMTN kunye neThembekile Mzantsi Foundation belinikezela ngezihlangu, iibhayisekile kunye namalaphu abantu ababhinqileyo abazikhusela ngawo xa besexesheni (sanitary towels). Oku bekuyi nxalenye yemibhiyozo  yenyanga yolutsha.

Zizihlangu ezingaphaya kwamakhulu amabini ezinikelweyo xa zidibene. Iibhayisekile zona zinikwe abantwana abasuka kwizikolo ezikude kakhulu namakhaya abo.

Omnye oxhamleyo kwezi bhayisekile uMihle Nqweniso ongumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iLumko High School, uthe iyamonwabisa into yokufumana kwakhe ibhayisekile. “ Ndiyavuya kakhulu ukufumana le bhayisekile izakundinceda kakhulu nje ngomntu ohlala kude nesikolo kuba amaxesha amaninzi andifiki kwangexesha esikolweni kuba ndihamba ngenyawo. Kusebusika kunzima ukuvuka kwangethuba ukuleqa esikolweni,” utshilo.

Umphathiswa wezemfundo ephondweni uMandla Makuphula uthe: “ Udabi lwabafundi bangonyaka ka1976 yayikukulwa ingcinezelo kunye nokulwela ukufundiswa ngolwimi lwabo. Into efunekayo kubafundi banamhlanje kukuba bafunde iincwadi zabo baphumelele emagqabini.”

Enye into ayibetheleleyo umpathiswa kukuba ukufundisa umntana akupheleli esikolweni kuphela, nabazali banendima abafuneka beyidlali ekukhuthazeni abantwana.

Kulo nyaka kukhethwe iDuncan Village ukwenza le nkqubo ngenxa yokunyuka kwezinga lolwaphulo mthetho, intswela- ngqesho kunye nokukhulelwa kwamantombazana aselula ngeminyaka.

Also read:  Ushicilelo lukanomathotholo oluthetha ngabahlolokazi base Marikana

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.