Otyholwa ngokubulala itsha-ntliziyo lomzabalazo womhlaba ufumene ibheyile

u Mthunzi " Ras Moziah" Zuma owadutyulwa wabulawa. Ithatyathwe ngu Ashraf Hendricks
Cape Town, Western Cape, South Africa

Otyholwa ngokubulala itsha-ntliziyo lomzabalazo yomhlaba u Alfred Bangini, 59 uye wanikwa ibheyile ye R500 yinkundla yaseKhayelitsha namhlanje. U Mthumzi “Ras Moziah” Zuma ubengomnye wabahlali base Town Two e Khayelitsha abathe bangena kumhlaba okude kufuphi kwinkundla ka mantyi yase Khayelitsha nalapho bathe bobelana ngomhlaba baze bokha amatyotyombe.

U “Ras Moziah” nanjengoko ebesaziwa zizihlobo nabo ebesemzabalazweni nabo waye wabulawa ngokudutyulwa ngomhla we 28 ku Canzibe. Ngokwengxelo ye GroundUp News, owazibonelayo uthi loka Zuma wabulawa ngelixa babevale indlela edlula kulomhlaba babewuthathile. Lo wazibonelayo waxelela I GroundUp ukuba wathi u Zuma ezama ukucacisela umqhubi wemoto ukuba kwenzeka ntoni, suka waphuma umqhubi wathulula ngembumbulu kulo ka Zuma.

Udadebo Zuma, U Zanele uxelele iElitsha ukuba abakalahli themba kuba alipheliswanga ityala koko limisiwe. “ Asikazukuphela amandla bude ubulungisa benzeke”, utshilo lo nkosikazi unama 48 eminyaka. Loka Zuma uthi zininzi impazamo ezenziwe ngumcuphi wetyala. Abo batyholwa ngokubulala u Zuma baphinde bayobanjwa emva koqhanqalazo lwabahlali kuba umcuphi wayesithi ‘akukho bungqina bubambekayo’. Lo utyholwa no Bangini akakaphinde abanjwe kwaye abo balwelwa umhlaba bathi lomtyholwa wesibini wabalekela eMpuma Koloni.

Ityala limiselwe umhla we 18 kweye Thupha.

 

Also read:  Umbutho olwelwa izindlu nendawo abantu abahlala kuzo uthi urhulumente kufuneka angenelele kwinto yokunyuka kwerenti

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.