Umthetho omtsha wokwaluka uzakuqinisekisa uba uxanduva luyathathwa

Abakhwetha behleli ngaphandle kwebhuma. Ifoto yeka James Natchtwey
East London, Eastern Cape, South Africa

Indlu yeenkosi kwiphondo laseMpuma Koloni ithi ikruqukile kukusweleka kwabakhwetha ngokungathi ziimpukane ze kungabanjwa mntu ngalonto. Oku kuvakaliswe nguNkosikazi Nosiseko Ngqika, osuka kwindlu yeenkosi yamaRharhabe kuQoboqobo, ngelixa ethatha nabazali eDuncan Village eMonti.

Kulentlanganiso kuye kwacaciswa ngomthetho omtsha otyikitywe yinkulumbuso yephondo, uPhumulo Masualle owaziwa ngokuba yi-Eastern Cape Customary Male Initiation Practice Act 2016, Act No.5 of 2016.

Ojongene nokulawulwa kokusebenza kweeNkosi eBuffalo City uNkosana uStanley Makinana uthe liphelile ixesha lokuthi into yokwaluka ngumsebenzi wamadoda kuphela esithi noomama badlala indima ebonakalayo.

“ Sizinkosi kunye nomasipala sithathe isigqibo sokusungula umthetho ozakujongana nokusweleka kwabafana abancinci ehlathini. Abantwana baphelelwa bubuni babo ngenxa yokungabikho kwenkathalo emabhomeni, kwaye akukhomntu ufumana isohlwayo ngalonto. Ulwaluko luxanduva lwabahlali ngokubanzi kwaye wonke umntu kufuneka athathe inxaxheba,” utshilo uMakinana.

Kobu busika kuphela ngamakhwenkwe angaphaya kwamashumi amahlanu amawaka azakoluka. Isebe lezempilo ephondweni sele libekele bucala imali engamashumi amathathu ezigidi zeerandi, ngokwengxelo ekhutshe kwinyanga ephelileyo.

Iinjongo zalo mthetho kukukhusela isiko lwalwaluko, nokuqinisekisa ukuba lenziwa ngaphakathi kwemiqathango. Akukho mntwana kulindeleke ukuba aphinde ahlukumezeke xa esesuthwini.

Ngokwalo mthetho akukho nkwenkwe ingaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ezakuvunyelwa ukuba yoluke kungekunjalo kuza kubanjwa umzali lowo ahlale iinyanga ezintandathu entolongweni kwaye akuphe iwaka leerandi.

Eli solotya leminyaka lelona lingangenanga kakuhle kubazali abaninzi, ingakumbi abo sele bezilungiselele ukuba bazakolusa abantwana babo kobu busika.

UNosicelo Nonqonqotho ongumzali ozakolusa umntwana kwamsinyane uthe: “Mna sele ndilungise yonke into ukulungiselela umntwana wam ozakoluka kwiveki ezayo, sele ndimthengele nempahla kodwa uneminyaka elishumi elisithandathu (16). Sele siyifumene imvume emapoliseni ngeminyaka, sayenza ngengxelo efungelweyo. Andiyazi ukuba umthetho lo umtsha uzakundibeka ndowoni na.”

Uloyiko kukuba kungenzeka ukuba ziliqela iingxelo ezifungelweyo esele zikhutshiwe ukulungiselela abo baneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo. Kodwa iiNkosi zithembisile ukudibana namapolisa ukukhangela ezoonkcukacha ukukhawulelana nalengxaki.

Also read:  Ababefudula besebenza emigodini bathi bazakuqhubeka besilwela imali zabo

Abazali bakholelwa ukuba iphulo lokwazisa ngalo mthemtho mtsha ngelenziwe ekuqqaleni konyaka.

UNkoskz Ngqika ukugxeke kwabukwali ukunqongophala kwabantu abangotata kule ntlanganiso nabahlali.

“Mayiphele into yabantu abenza isiko lolwaluko into yokushishina, okanye ukuzenzela imali ekhawulezileyo. Akekho umzali okhulisa umntwana eyazi ukuba kungenzeka asweleke xa esiya esuthwini, isiko lokwaluka lidala lineendevu. Amadoda awaziyo mawangavali umlomo okanye ahlale ezindlini besifa abantwana,” utshilo uNosiseko.

Enye into enqonqozisiweyo kukuba ikhankatha, elijonga abakhwetha ibengumntu noko oneminyaka elishumi eyindoda ukuqinisekisa ukuba unawo amava alento ayenzayo.

UNkosi Kholekile Ndamase osuka kummandla waseTranskei, uthe abahlali beelokishi zonke kufuneka basungule iikomiti ezisebenzayo ezizakujongana nendlela eluhamba ngalo ulwaluko. Ukuqinisekisa ukuba izindlu zabakhwetha zakhiwe kwindawo efanelekileyo, kwaye ingcibi esebenza abakhwetha kufuneka ukuba ibe ibhalisiwe nomasipala.

Lona isebe lezempilo kulindeleke ukuba lityale ngapahaya kwekhulu labazebenzi abangamadoda, abazakuthi gqolo ukutyelela amabhoma baqinisekise ngokhuseleko lwabantwana esuthwini.

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.