Batyityimbiselwe umnwe oonqevu eKhayelitsha
Kwintlanganiso ebejoliswe ekufumaneni isisombululo kwinto yobugewu eqatseleyo eKhayelitsha kutshanje, onqali-ntloko batyityimbiselwe iminwe.
Kwintlanganiso ebejoliswe ekufumaneni isisombululo kwinto yobugewu eqatseleyo eKhayelitsha kutshanje, onqali-ntloko batyityimbiselwe iminwe.
Abahlali base Marikana bathi imeko ingathi ibuyele kundalashe apho ukubulawa kwabantu kuyinto yemihla ngemihla.
Ngexesha ibisina kakhulu imvula abahlali kwindawo ekufutshane ngakwindawo yombengo e Town 2 eKhayelitsha bememanxada-nxada bezama ukusindisa impahla yabo ukuba ingathathwa ngabaseburhulumenteni.
Limisiwe ityala lomfundisi-ntsapho wase Qhayiya otyholwa ngoku dlwengula nokukhomba ngompu umfundi wesi sikolo.
Kulindeleke ukuba avele enkundleni ka mantyi kungentsuku zatywala utishala otyholwa ngokudlwengula umfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo eHermanus.
Kusweleke abantu abasibhozo emveni komlilo okrokrelwa ukuba ubujoliswe kusapho lowasetyhini obetyholwa ngokuthakatha kwingingqi yobogityholo i Taiwan eSite C kwilokishi yaseKhayelitsha.
Livele kwinkundla kaMantyi elinye iqela kwabo bangamashumi amathandathu anethoba ababanjwayo emveni koqhanqalazo lwezindlu nomhlaba kwidolophu yase Hermanus eNtshona-Koloni.
Ngexesha endendwele intsapho zamaxhoba ePhilippi, umphathiswa mamapolisa u Bheki Cele ukugxekile ukutyholwa kwabemi base Somalia ngabahlali kwisiganeko sokubulawa kwabane.
Kuyaqhubeka ukubulawa nokuphathwa gadalala kwabantwana namanina kwilokishi nasemaphandleni eli. Isiganeko sakutshanje senzeke kwilokishi yase Site B eKhayelitsha.
Uvavanyo lwesifo sephepha luyaqhubeka kwizikolo zaseKhayelitsha ukuzama ukuthintela esi sifo nezinye evame ukuhamba nazo.