Abahlali bafuna umthetho ube gadalala kwabo baxhaphaza amanina
Bavakalise ukudineka abahlali ngendlela umthetho osebenza ngayo ukuqinisekisa ukuba amadoda axhaphaza abasetyhini ayavalelwa kwaye akayifumani ibheyile.
Bavakalise ukudineka abahlali ngendlela umthetho osebenza ngayo ukuqinisekisa ukuba amadoda axhaphaza abasetyhini ayavalelwa kwaye akayifumani ibheyile.
“Sibulela naluphina uncedo esilufumanayo ukuzama ukukhawulelana nengxaki yabantwana abangaziyo esikolweni ngenxa yokuba besexesheni, siyalwamkela utyelelo lukasekela mphathiswa wezonxibelelwano kweli”. La ngamazwi enqununu yesikolo samabanga aphakamileyo […]
Ngabantu abathathu abaye bafumana umonzakalo logama ishumi elinesithoba libanjiwe ngamapolisa, kubahlali bengingqi zogobityholo ezingqonge iStrand. Ngomvulo umhla wama24 kweyoMsintsi abahali bangene ezitalatweni betshisa amatayala kuhola […]
Abathunywa ebebephuma kwinkalo ezohlukeneyo nabebethathe inxanxheba kwinkomfa yesithoba yenqwanqwa elijongene nophuhliso e Khayelitsha i Khayelitsha Development Forum (KDF) bavakalise ukungaxoli kwabo yingxelo kanobhala neka nonondyebo. […]
Ngenxa yokuxhaphaka kweziganeko zokuxhatshazwa kubulawe abasetyhini nabantwana kwilizwe lonke nalapha eKapa, ijelo losasazo lasekuhlaleni iZibonele FM ithathele kuyo ukuququzelela umngcelele wokuhewula nokukhalimela eziziganeko. Kutshanje elijelo […]
Abemi abasuka kwilizwe laseSomalia bathi bayangcungcutheka kwilokishi yase Khayelitsha
Uzakuqhuba nesicelo sakhe sebheyile, umrhanelwa kwityala lokudlwengulwa kuphathwe gadalala ngokwesondo abantwana baseKuyasa.
Bazakujamelana notshutshiso kwinkundla ephakamileyo yeli phondo le Ntshona Koloni, abarhanelwa kwityala lokudlwengulwa kubulawe intwazana yase Town Two.
Bazakuvela kwinkunda ephakamileyo yeliphondo le Ntshona Koloni abarhanelwa ababini kwityala lokudlwengula kubulawe intwazana eneminyaka elishumi elinesithoba ubudala. Inkundla kamantyi yase Khayelitsha ive ukuba uphando lugqityiwe kwaye ityala likulungele ukuba lingaxoxwa kwinkundla ephakamileyo ye phondo.
Ukungabikho kwemingxunya nemibhobho yogutyulo kwindawo zogobityholo ngomnye wonobangela bezantyantyala zezikhukula zemvula kwingingqi zogobityholo kweli leKapa.
Oku kudizwe nguCeba wakwa ward 89 umnumzana uMonde Nqulwana emva kwemvula ekhokelele ekubeni amakhulu abahlali alale kwiholo loluntu kwingingqi yoogobityholo oo BM eSite B. Oka Nqulwana uthi indawo ekulahlwa kuzo inkukuma phakathi kwezindlu zikwanegalelo ekudameni kwamanzi kuba le nkukuma ayithuthwa ngexesha.
Imibutho emele uluntu yase Khayelitsha efana ne Town-Two Rock Galz ne Social Justice Coalition ithi bayakwamkela ukwalelwa ngebheyile kwabo batyholwa ngoludlwengula nokubulala intombazana yase Khayelitsha u Sinoxolo Mafevuka.