Isikolo esiphuma emagqabini sichaze imfihlelo yaso
Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke.
Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke.
Igqwetha nombhali uNgcukaitobi uthi kufuneka kugxininiswe kulwazi, ingxoxo kwaye kungabikho ukulinda okuninzi kwinto yomhlaba.
Limisiwe ityala lomfundisi-ntsapho wase Qhayiya otyholwa ngoku dlwengula nokukhomba ngompu umfundi wesi sikolo.
Kulindeleke ukuba avele enkundleni ka mantyi kungentsuku zatywala utishala otyholwa ngokudlwengula umfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo eHermanus.
Uvavanyo lwesifo sephepha luyaqhubeka kwizikolo zaseKhayelitsha ukuzama ukuthintela esi sifo nezinye evame ukuhamba nazo.
Iintanga zakhe ziqhumisa uthuli zidlala imidlalo eyohlukeneyo ezitalatweni kodwa uLitha Mayiya yena uhleli nephepha nepensele. Hayi akabhali koko umaxhaphetshu uyazoba. Ledyongwana ineshumi elinesine leminyaka isidla […]
Nangona seyidlulile inyanga yenkcubeko namagugu, eliphephandaba lithathe isigqibo sokuba sizakuthi gqolo ukubhala ngabantu abazingcayo ngenkcubeko namagugu. Kule veki sithethe nomdlali weqonga nembongi yosiba u Anele Pendze osibalisele ngamajingi-qhiwu obomi ezama ubomi.
“Inkululeko endiyifumanayo xa ndibhala isiXhosa kunye nentsingiselo yamagama ingunobangela wokuba ndibhale ngesiXhosa,” itsho intwazana eyimbongi yosiba eyinzalelwane yaseDutywa eMpuma Koloni. UPumza Sibindi nowaziwa ngelika “MaDiya” […]
Kule nyanga yenkcubeko eli phepha lizakuphathela iimbongi, abadlali baseqongeni, abaxhentsi kunye nababhali abaphakamisa iilwimi zesintu nabazingcayo ngenkcubeko yabo. Ibali lokuqala lelembongi ephuma kwisixeko sengcwele eRhini uNqontsonqa.
Uqalile umnyhadala waminyaka le othi uphakamise kwaye uyindlela yokukhuthaza abantwana besikolo noluntu ngokubanzi ukuba bazibandakanye ngezobu nzululwazi. Lomnyhadala kazwelonke uthi uquke ezobunzululwazi, ulwazi ngezobugcisa, ezobunjineli, […]
Nanjengokuba isaqhubeka imibhiyozo yenyanga yolutsha eMzantsi-Afrika isebe lezemidlalo nenkcubeko kwiphondo le Mpuma-Koloni lizeke emzekweni kumsitho ububanjelwe kwiholo yoluntu iGompo Community Hall nalapho belinikezela ngezipho kulutsha. […]
Banikwe izindlu zokufundela zethutyana abafundi besikolo samabanga aphantsi bakwa Faku kwilokishi yase Lower Crossroads eKapa . Oku kusemva kokuba abazali ababevutha ngumsindo basivala esisikolo ngomhla […]