Imbongi Yamanzi
Imbongi Yamanzi ithi ayizange ikukhethe ukubonga koko kukubonga okwakhetha yona.
Imbongi Yamanzi ithi ayizange ikukhethe ukubonga koko kukubonga okwakhetha yona.
Ukuzonwabisa ngeziyobisi ezifana notywala nendawo zentselo sele iyinto eqhelekileyo eScenery Park
Ufakelo nokulondolozwa kwee-khamera ze-CCTV kunye nezibane, uqeqesho lwamapolisa ngokuphatha amatyala okuxhatshazwa kwabantu emakhayeni wabo kwakunye nokuqalwa kwee-ofisi eziphanda ulwaphulo-mthetho kube zezinye zezisombululo ezicetyiswe ngabahlali baseKhayelitsha […]
Nangona kwachithwa ikhulu elinamashumi asibhozo ezigidi zerandi (R180million) kwisikhululo sikaloliwe sase Kuyasa kodwa indawo zoshishino zisavaliwe.
Njengoba inkqubo yokuphuhliswa kwamatyotyombe ingumgaqo-nkqubo ka rhulumente, isixeko saseKapa sithi asizukubabonelela ngenkonzo abahlali base Azania Square
ISixeko sithi ukulahlwa kwezinto ezingafanelekanga kwidreyini ngabantu abahlala eKosovo kuko okubangela ukuxinga kwedreyini kule ngingqi.
Ngexesha ibisina kakhulu imvula abahlali kwindawo ekufutshane ngakwindawo yombengo e Town 2 eKhayelitsha bememanxada-nxada bezama ukusindisa impahla yabo ukuba ingathathwa ngabaseburhulumenteni.
Iinkokheli zabahlali norhulumente bayaphikisana ngokuba makukhawuleze kangakanani ukuthengwa nokunikezwa ngomhlaba.
Kusweleke abantu abasibhozo emveni komlilo okrokrelwa ukuba ubujoliswe kusapho lowasetyhini obetyholwa ngokuthakatha kwingingqi yobogityholo i Taiwan eSite C kwilokishi yaseKhayelitsha.
Livele kwinkundla kaMantyi elinye iqela kwabo bangamashumi amathandathu anethoba ababanjwayo emveni koqhanqalazo lwezindlu nomhlaba kwidolophu yase Hermanus eNtshona-Koloni.
Ngexesha endendwele intsapho zamaxhoba ePhilippi, umphathiswa mamapolisa u Bheki Cele ukugxekile ukutyholwa kwabemi base Somalia ngabahlali kwisiganeko sokubulawa kwabane.
Ingqatsini yelanga ehlasela phantse mihla le kwiphondo leNtshona- Kapa ikhupha abantwana ezindlini nalapho bathi babhenele kwiqula lokudada eKhayelitsha ngelizama ukuzipholisa imizimba, nanjengoko bephuma kwingingqi ezikude […]