Boyikisela impilo zabo abo bathandana besini sinye kwilokishi zase Kapa

19th December 2016 MastaBaba 0

Ibhalwe ngu Unathi Tuta no Mzi Velapi

Kuvele ingxelo zabasetyhini abathathu ababulewe ngendlela ekhohlakeleyo ngelixa lentsuku zephulo lokunqanda nokuphelisa kobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana (16 Days of Activism for No Violence Against Women and Children).

Amatsha-ntliziyo eFree Gender ebedibene eSivivane emva kokubulawa kabuhlungu kuka Noluvo. Credit: Elitsha

Abezokhuseleko lwabucala batyholwa ngokwenza unothanda kumaziko emfundo ephakamileyo

14th November 2016 Mzi Velapi 0

Kugxekwe kabukhali ubundlobongela obusetyenziswa zinkampani zabucala zesokhuseleko kumaziko emfundo ephakamileyo kulo lonke ilizwe.
Kwingxoxo zikawonke-wonke zakutshanje ebiziququzelelwe yi-Right 2 Know, ongumfundi kwi-Yunivesti yase Kapa (UCT) nobengomnye wabachongelwe ukwenza intentho uBrian Kamanzi uthe kufuneka kupheliswe iinkampani zabucala zokhuseleko, kwaye zenziwe zingabikho semthethweni kuba zibangela ukungabikho kuka masilingane.

Abarhaneleka kudlwengulo nokubulawa kuka Sinoxolo bazakuvela kwinkundla ephakamileyo

13th September 2016 Unathi Tuta 0

Bazakujamelana notshutshiso  kwinkundla ephakamileyo yeli phondo le Ntshona Koloni, abarhanelwa kwityala lokudlwengulwa kubulawe intwazana yase Town Two.
Bazakuvela kwinkunda ephakamileyo yeliphondo le Ntshona Koloni abarhanelwa ababini kwityala lokudlwengula kubulawe intwazana eneminyaka elishumi elinesithoba ubudala. Inkundla kamantyi yase Khayelitsha ive ukuba uphando lugqityiwe kwaye ityala likulungele ukuba lingaxoxwa kwinkundla ephakamileyo ye phondo.