
Abanini bevenkile abasuka ngaphandle bathi baphila ubomi bentshontsho
Abemi abasuka kwilizwe laseSomalia bathi bayangcungcutheka kwilokishi yase Khayelitsha
Abemi abasuka kwilizwe laseSomalia bathi bayangcungcutheka kwilokishi yase Khayelitsha
Ukukwazi ukuzithengela ibhayisekile kwakunye nokufunda ukuqubha yeminye yemingeni ejongene ne-Athileti zaselokishini. uBusisiwe Sintili ominyaka ingama-27 ubudala uhlala eDuncan Village. Uthi akazange waphosa ukuthatha inxaxheba kugqatso […]
Emva kwengxelo eze nosekela mongameli uCyril Ramaphosa kwinyanga ephelileyo, eza nesiphakamiso sokuba imivuzo ephantsi kufuneka ifikelele kwi R3,500 ngenyanga, abo basebenza kwigaraji bazochaphazeleka.
Ibhalwe ngu Unathi Tuta no Mzi Velapi
Kuvele ingxelo zabasetyhini abathathu ababulewe ngendlela ekhohlakeleyo ngelixa lentsuku zephulo lokunqanda nokuphelisa kobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana (16 Days of Activism for No Violence Against Women and Children).
Umahluko usemkhulu kakhulu kumgangatho, xa kufikelelwa kwezemidlalo kwizikolo eziselokishini kunye nezo zifumaneka edolophini. Zininzi izinto eziluphawu lwalento.
Sithetha nje isemibini imibutho ephume elubala ngokufuna ukuba umongameli welizwe ehle esihlalweni.
Umasipala ombaxa waseBuffalo City uzikhabela kude iingxelo zokuba uceba ukubasusa oonomarike abathengisa kwirenki yeeteksi, eHighway, eMdantasane kwiphondo leMpuma Koloni.
Kugxekwe kabukhali ubundlobongela obusetyenziswa zinkampani zabucala zesokhuseleko kumaziko emfundo ephakamileyo kulo lonke ilizwe.
Kwingxoxo zikawonke-wonke zakutshanje ebiziququzelelwe yi-Right 2 Know, ongumfundi kwi-Yunivesti yase Kapa (UCT) nobengomnye wabachongelwe ukwenza intentho uBrian Kamanzi uthe kufuneka kupheliswe iinkampani zabucala zokhuseleko, kwaye zenziwe zingabikho semthethweni kuba zibangela ukungabikho kuka masilingane.
Abo bahlala emaholweni kwaLanga bafuna ukwakhelwa izindlu kwamsinyane.
Uzakuqhuba nesicelo sakhe sebheyile, umrhanelwa kwityala lokudlwengulwa kuphathwe gadalala ngokwesondo abantwana baseKuyasa.
Kwingxoxo-mpikiswano ebebinjwe kutshanje, umbutho omele ukuqinisekisa ukuba amalungelo wabantu akumgaqo-siseko ayafezekiswa, iNdifuna Ukuwazi ithi kufuneka u rhulumente ajonge into yokwakha indawo zokurenta kwaye […]
Bazakujamelana notshutshiso kwinkundla ephakamileyo yeli phondo le Ntshona Koloni, abarhanelwa kwityala lokudlwengulwa kubulawe intwazana yase Town Two.
Bazakuvela kwinkunda ephakamileyo yeliphondo le Ntshona Koloni abarhanelwa ababini kwityala lokudlwengula kubulawe intwazana eneminyaka elishumi elinesithoba ubudala. Inkundla kamantyi yase Khayelitsha ive ukuba uphando lugqityiwe kwaye ityala likulungele ukuba lingaxoxwa kwinkundla ephakamileyo ye phondo.